Basesibhedlele oonqevu ababini abadutyulwe lixhego ngethuba beqhekeza indlu yalo

Abarhanelwa ababini badutyulwe bonzakala ngethuba beqhekeza umzi wexhego kule veki ngokuhlwa kwangoLwesibini eRichmond Hill, eGqeberha.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uCaptain Sandra Janse Van Rensburg, ngoLwesibini malunga nentsimbi ye-20:40, kwisitalato iLutman, eRichmond Hill, eli xhego (73) nengummangali lalilele ngethuba lisiva ingxolo eyamvusayo.

“Ixhego laliphethe umpu walo xa lisiya kuphanda. Ubone abarhanelwa abathathu bengaphakathi endlini yakhe epasejini besiza kuye.

“Wadubula kabini abarhanelwa, abarhanelwa ababini bonzakala, omnye umrhanelwa wabaleka kwindawo yexhwayelo,” utshilo uJanse Van Rensburg.

Aba barhanelwa babini bonzakeleyo abaneminyaka engama31 kunye ne37 babanjwe ngokukhawuleza emva kwesi sehlo.

Kamva kwafunyaniswa ukuba abarhanelwa bangene endlini ngokususa ifestile kwigumbi lokulala elingaphambili. Akuzange kuthathwe nto endlini, kwaye ixhego alizange lilimale ngethuba lesi sehlo.

Bobabini abarhanelwa kungoku nje baphantsi kweliso lamapolisa esibhedlele, apho banyangwa khona amanxeba okudutyulwa.

Isikhululo samapolisa saseHumewood siphanda ityala lokuqhekezwa kwendlu kunye nokuzama ukubulala.