Bashiye ikhaya ngenxa ‘kaVutha’

Ibhedi etshileyo ngenxa yento ekholeleka ukuba nguvutha UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Umlilo ongaziwayo ukuba ulunyekwe yintoni waqala etyesini entla kwebhedi kwindlu enguronta yaseNgqaqini kuVonqo eDutywa, emva koko beva umsi onukayo, xa umama wekhaya uNozaziyedwa Rataza (65) evula ityesi kutsha iimpahla zakhe.

Ngeli xesha afumanisa lo mlilo uRataza kwakungekho mlilo, kukho imigqobho ezimpahleni kwaye kusanuka umsi.

Umolokazana wathi xa engena emnyango esuka kukha amanzi emlanjeni kusasa weva ivumba, wabe uNozaziyedwa engaphakathi engakhange eve vumba lomsi.

Esi sehlo salo mlilo nesicingeleka ukuba nguvutha sishiye usapho lakwaRataza lungenamzi. Saqala ukwenzeka ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga ephelileyo.

Ingxelo ithi zange kude kubekho dangatya lamlilo koko yaba livumba nokugqobhoka kwempahla, kodwa zona iimpahla zabe ziphela ngumlilo ongabonwayo etyesini, yashiyeka ityesi.

I’solezwe lesiXhosa lincokole nabamelwane abakwazizihlobo zalo mzi. UNosongezo Rataza uthi emva kweentsuku kwenzeke esi sehlo sokutsha kwetyesi yodwa, baphinda bathi besahleli emini babona idangatya lomlilo lingalawuleki, lisonyuka ngelaphu elivala ifesitile.

Babaleka bayitsala ekubeni ingatshisi indlu, kodwa waphela unwenwela kwibhedi esezantsi kwale fesitile yatsha yaphela.

UNokhethile Rataza owayengomnye wabacima umlilo, uthi emva koko beza necebo lokuba kutsalwe ingca le ingaphezulu kuronta, ngenene wacima umlilo.

Into yonke engaphakathi kulo ronta yatsha yaphela, bashiyeka nezo zisesiqwini kuphela iimpahla.

UNozaziyedwa (65) ekhala, esithi uhlobo awawakha nzima ngalo umzi wakhe kuko okumenza kuse ehleli. Uthi washiywa yindoda, iphelo lakhe ebantwaneni lineminyaka emithathu (3) kuphela kodwa ngoku uneminyaka engamashumi amathathu (30).

“Zange ndiyazi ebudaleni ndingaze ndiphinde ndibuyele umva ekhaya ngenxa yokungabi namzi. Yhini umzi wam endiwakhe kabuhlungu nanzima kangaka ndingenandoda, ndibamba emakhitshini! Indiphethe kakubi kakhulu, ndinyamezele ingathi komane kusisa kusithiwa ndizolandwa umzi wam uvusiwe. Liphupha nje ke endilinqwenela lenzeke,” utshilo olixhoba.

Uthi zaphela zonke iimpahla zakhe, azinxibayo ngezo azombulelwe kowabo. Uthi izazisi zakhe (ID) kwakunye nezabazukulwana zasinda kuba waye waxhwiphula idyasi yakhe egumbini nezihlala kuyo.

Lo mama ucela uncedo kurhulumente, ekwacela nakwabo banokuthi bolule isandla ngalo nto banayo ukuze abuyele emzini wakhe. Uthi kubuhlungu kuba akusekho lula ukuhlala kwenye indawo noba na kukowabo. Uthi umasipala waseMbhashe oko wawugqibele ngoko wawuzokujonga umonakalo awuzange uphinde ubuye. UNozaziyedwa uthi alukho uncedo awakhe walufumana oko watshelwa ngumzi.

Lo mzi besele kukokwesibini uhlelwa sisihelegu. Kunyaka ophelileyo kwemka uphahla lweflethi yakhe enamagumbi ngenxa yesichotho, wathuthela kuronta lo nawo utshiswe nguvutha. Uthi nakule yemkiswa sisichotho zange afumane ncedo.

Abanomdla ekuncedeni lo mama bangaqhakamshelana nenombolo kaWhatsApp wephephandaba I’solezwe lesiXhosa 072 195 0415.