Bashiye umzila weziqhamo egameni likaMandela

Abasebenzi baseZamani Training Centre eQonce kwaMlakalaka * -Akhona Seyisi noNompumelelo JokweniUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

ISEBE lezolimo, ezolobo namahlathi lityale imithi yeziqhamo kwiziko eligcina abantwana abaphila nenkubazeko kwilali yakwaMlakalaka eQonce njengophawu lokuphethula inyanga kaNelson Mandela ephele ngoMvulo wale veki.

Igosa lezonxibelelwano kweli sebe eMpuma Koloni uLinda Donkrag uthi bachonge iZamani Training Centre beqwalasele umsebenzi owenziwa leli ziko.

“Eli ziko linabantwana abaphuma kwiindawo eziliqela eMpuma Koloni kwaye banikwa izakhono zophuhliso,” utshilo uDonkrag.

UDonkrag uthi eli sebe lityale imithi yeepesika, i-orenji kwane-apile kweli ziko.

“Sineengcali zomhlaba kwisebe lethu, siyenzile imvavanyo yomhlaba phambi kokuba sigqibe kwelokutyala le mithi. Ngaphezu koko, sibafundisile abantu beziko eli ngeendlela zokukhulisa le mithi,” utshilo uDonkrag.

Eli sebe likwanikeze ngeempahla kubantwana beli ziko, apho uDonkrag athi zize ngenxa yephulo abebelenzile bengabasebenzi besebe. Umsebenzi waseZamani uAkhona Seyise uthi balivuyele kakhulu olu tyelelo lwesebe.

“Sinabantwana abaphaya kumashumi amathandathu kweli ziko, apho sithi sibaqokelele sibaqeqeshe kwizakhono ngezakhono ekuquka kuzo ukuthunga kwanemisebenzi yezandla,” utshilo uSeyise.

Umanejala waseZamani uNozibele Mkutswana naye uthi balithakazelele inyathelo elenziwe leli sebe kwiziko labo.

“Abanye babantwana bethu baphuma kwiintsapho ezisokolayo, ngoko ke isipho esifana neempahla yinto ebaluleke kakhulu kubo,” utshilo uMkutswana.