Bashiyeke bengenamakhaya ngenxa yesichotho!

Ngabantu abangapha kwamashumi asibhozo abashiyeke bengenamakhaya kwaWadi 15 nabaselugcinweni ezikolweni ngenxa yesichotho esigqugqise kummandla waseOR.Tambo. Urhulumente udize ukuba bathandathu abantu abathe babhubha kwesi sichotho senzeke ngempelaveki.

I’solezwe lesiXhosa lincokola noceba wakwaWadi 17 eKinga Sabata Dalindyebo kwilali yaseSigubudwini eMthatha, uMathemba Makhaba, uthi akusehli nobuthongo kuye ngokwenzeke kwindawo yabo nakubantu bakhe.

“Xa kungalali mna kubekisela phi kwaba bashiyeke bengenamizi, mfuyo, zimoto kwanamalungu abo osapho? Akukho mnandi tu, bahlala esikolweni abashiyeke bengenamakhaya, abanye bahlala bengapha kwamashumi amathathu (30) kumzi omnye kuba bengenayo enye indawo kwaye bengenayo nento yokutya,” utshilo uMakhaba.

Uthi kule yakhe iwadi bathathu abantu abaphulukene nemiphefumlo yabo ngokuwelwa zizindlu ngethuba kudlala lo mhlekazi. Uthi bayaqala ukwehlelwa sisichotho side sonzakalise kanje kulo mmandla.

UMakhaba uthi eli lixesha lokuba uluntu lubuyele emakhaya luzokonwaba nezihlobo kwakunye nabazali, kodwa baza kubuya bengenamakhaya.

UMntuwekhaya Ndawana olixhoba eMthatha uthi oku kubachukumisile bengabahlali.

“Bendirhalela nokukhe nizozibonela zintatheli kuba kunzima nokuba ndicacise lo umonakalo wenzekileyo.”

UNdawana uthi ezilalini bakhile kwaye banezindlu ezininzi akufani naselokishini.

“Cinga ke izindlu ezintandathu emzini omnye eziwe bhum zonke phantsi ngexesha elinye, kungabikho neshiyekayo onokuthi uza kubeka izinki nikwazi ukuba nendawo yokuhlala. Osindileyo akazazi ukuba usinde njani kule ndawo yethu kuba ibihamba ngomgca icumza nje kwanto,” utshilo uNdawana.

Uthi abantu basahlala esikolweni kwaye baseza kuhlala kuba akukabikho themba lanto. Uthi uncedo lokutya obe lufikile lusiziswa yiNGO kuye kwaphela phakathi kwakunye neengubo zaphela bengafumenanga bonke ngenxa yenani.

INkulubaphathiswa uOscar Lubabalo Mabuyane utyelele kwaWadi 15 ngoLwesibini eyokujonga lo monakalo. Kwa17 akafikanga neyenye yeendawo ezichaphazelekileyo ngenxa yokuvalelwa sesinye isichotho esenzeke emva kwemini ngoLwesibini.

UMabuyane ukwadlulise namazwi ovelwano kwiintsapho ezinamalungu abhubhileyo amathandathu ngenxa yesi sichotho kulo mmandla

Urhulumente wephondo ushiye le nombolo yezeentlekele kwabachaphazelekileyo kummandla waseOR.Tambo: 047 501 6494, kuWhatsapp: 073 205 6465.

Ukanti ayiyo-OR.Tambo kuphela ehlelwe sesi sichotho, neAmathole District kwiilali zedolophu yaseDutywa, eGcuwa, eNgqamakhwe, eQonce naseDikeni sonzakalisile, sishiya uluntu lungenamakhaya, amanye kumke amaphahla ezindlu, konakala neemoto kwaqhawuka neentambo zombane.

Enye yezinto ezithe zonakala eDutywa yiprojekthi yofuyo kaWandile Nikelo kwilali yaseDrayini eNgcingwane. Isikolo iNolitha S.P. S kwilali yaseTyeni eMgcwe, naso simke uphahla. Esi sikolo sakhiwa nzima ngabahlali, ngokokutsho kwabo.