‘Basicinga ngexesha leevoti’

UCynthia Dama kunye nabahlali baseBulura abangazifumaniyo iinkonzo kurhulumente ngenxa yokuba bakumhlaba wabucala Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ABAHLALI baseOliver’s Farm eBulura ngaseChintsa eMonti abanamanzi, abanankonzo zelindle, abanambane, abanankonzo zempilo kodwa xa kufika ixesha lokugaywa kwenkxaso yeevoti amaqela ezopolitiko angena ephuma kule fama esenza izithembiso.

Aba bahlali bathi abakwazi ukufumana iinkonzo kuba baxelelwa ukuba bahlala kumhlaba wabucala nguceba wabo kumasipala iGreat Kei.

Yiminyaka eliqela abahlali bale ndawo, abasele bebalelwa ngaphaya kwekhulu elinamashumi amahlanu, behlala kule fama kulandela isivumelwano somnini wefama uWalter Oliver.

Abahlali bamchaza uOliver, owayefuye iinkomo neebhokhwe kule fama, njengomlungu “owayenobuntu nendlela yokusebenzisana nabantu abamnyama”.

Uthe akubhubha uOliver, kwafika umlungu omtsha ogama linguTony Kriel.

“Emva kokuba kubhubhe uOliver, kwafika uKriel ngo2011 esithi uza kusikhupha kule fama kuba uyithengile, samxelela ukuba asoze siphume. Saya kwiSebe lezeMihlaba, safumana igosa elaza apha efama lazokusabela le nto kaKriel, lisithi makaveze into ethi uthenge umhlaba. Wathi uza kuza nayo kodwa akazange aphinde abuye,” kutsho umhlali wale fama uCynthia Dama.

UThulani Pinana (25), ozalelwe kule fama, uthi impilo abayiphilayo kule ndawo abayinqweneleli mntwana mntu.

“Akukho ndlela yokuba kungaza neAmbulensi apha. Umntu ogulayo apha, kufuneka simlayishe ekiliveni.

“Silityelwe ngurhulumente kule ndawo, ixesha esicingwa ngalo lelo lokugaya inkxaso yeevoti. Siyacela kurhulumente waseMpuma Koloni ukuba aqwalasele imeko esiphila phantsi kwayo kuba amalungelo ethu asikwazi ukuwafumana,” kutsho uPinana.

Yena uThembalethu Tsewu uthi banazo izicwangciso zokuphucula imeko yabo, ingxaki zizixhobo. “Sifuna ukuqala iiprojekthi kulo mhlaba, kuba izakhono zolimo nofuyo yinto esikhula nayo apha efama.”

“Sihlala nzima kule ndawo, sihoywe xa ilixesha leevoti kuphela. Asinamanzi apha, sikha amanzi kumachibi amdaka. Asinambane kunzima nokubukela indebe yehlabathi yebhola ekhatywayo,” kutsho uTsewu.

Abahlali bathi uKriel, ekukholeleka ukuba uhlala eCumakala, uthe gqolo ukubagrogrisa, esithi uza kubakhupha kule fama.

Bathi abasokuze baphume kule fama. “Akukho mntu unokukhutshwa njengenja kule fama. Into esiyifunayo ngamandla kurhulumente ukuze sizilwele kuTony osigrogrisa ngokusikhupha,” utshilo uPinana.

Iinzame zokufumana uKriel azikhange ziphumelele. Uceba wale ndawo uBev Wood uxelele I’solezwe ukuba unolwazi ngaba bahlali, watsho esithi yena akazukwazi ukubanceda kuba bahlala kumhlaba wabucala. “IGreat Kei inceda abantu abakumhlaba kawonkewonke hayi abo bahlala kumhlaba wabucala (efama),” utshilo uWood.

Simbuza ukuba uthini ngamalungelo waba bahlali nabangawafumaniyo kurhulumente, uWood uthe: “Ndicela ukungaphefumli banzi ngalo mba.”