Emva kweziganeko ezibini zokuhlangulwa kwabafundi ababini betshone kumngxunya welindle kwindlu yangasese eMampondo Primary School eSicwenza, eFlagstaff, imibutho engajonganga nzuzo iiNGOs ngamafuphi, isikwe yinimba yeza nesisombululo kule ngxubakaxaka.
Oneminyaka emithandathu (6), noneminyaka esibhozo (8), batshona kwindlu yangasese kwesi sikolo. Ezi NGOs zihlangule esi sikolo yiSave Our School (SOS ) ibambisene neMaloolo kwakunye noConcor Infrastructure zaseNtshona Koloni nezithe zazidina zokha izindlu zangasese ezisemgangathweni oncumisayo.
Kubafundi, ootithsala nakubazali ibiluncumo kwesi sikolo ngethuba ezi NGOs zityelele kwesi sikolo kwinyanga ephelileyo uNovemba ziyokunikeza ngezi zindlu zangasese (iithoyilethi) ngeenjongo zokuyokuhlangula ubomi babantwana. Okona kwenza uncumo kukuba abantwana abazukuphinda babenaxhala okanye uloyiko xa kufuneka beye ngasese koko ngoku bakuziva bekhuselekile nangakumbi.
Inqununu yesikolo uNokulunga Manci-Mvulana uthi, babulela kakhulu ngokuthe kwenziwa zezi NGOs zibambisene, ngokubuyisa isidima kwisikolo sabo nakubantwana.
UManci-Mvulana, uqhube wathi imeko ebimbi yeethoyilethi zabo ibibenza ukuba kubenophazamiseko phakathi ezifundweni kuba bekufuneka utitshala ephumile ayokugada umntwana xa esiya ethoyilethi.
OweSOSNOP uShelly Humphreys uthi emva kokuba wathi wafunda ngebali elalibhalwe yiGroundup malunga nentlungu kwanobungozi lohlobo abantwana abaphila ngayo kwesi sikolo wabona kubalulekile ukuba bangenelele ukuzama ukuhlangula unongekehli ebantwaneni kwesi sikolo.
UHumphreys uthi nabo bayakuvuyela ukuzisa uncedo kwesi sikolo ngeenzame zokuhlangula iimpilo zabantwana.
Esi sikolo besineethoyilethi ezimbini kuphela apho abafundi kwakunye nootitshala babo bebesabelana ngezi zimbini.
Ezi NGOs zakhe izindlu zangasese ezikumgangatho ophezulu ezigunxulwayo. Zizonke zilishumi elinesibini (12), ezintlanu (5) zezabantwana abangamakhwekhwe, ezintlanu (5) zezabantwana abangamantombazana kwakunye nezimbini (2) zootitshala babo.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!