Basinde cebeshu emva kokutsha kwesithuthi besendleleni

UVusumzi Phethela emi ecaleni kwetraki etshileyo, logama izicima-mlilo ziqoshelisa umsebenzi wazo IMIFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Abasebenzi abathathu bomzi oshishina ngokuthutha iimpahla zeevenkile iLDP East London basinde cebeshu emva kokutsha kwetraki abebehamba ngayo kuhola wendlela uN2 kufuphi naseHemingways eMonti ngenjikalanga yangoMvulo.


Esi sigadla, ebesithwele iziselo ezinganxilisiyo sizisa kwiivenkile zaseMonti, sivele savutha umlilo apha ngaphambili (kwideshibhodi) ngokokutsho kukaVusumzi Phethela obeqhuba ngethuba kusenzeka le ntlekele.


“Ndivele ndabona ngomsi sele uphuma kwideshibhodi. Ndiye ndabona ukuba mandimise ecaleni, saphuma etrakini. Sithe sisamisile njalo sijonga lo msi ukuba inokuba ubangelwa yintoni, sabona kuphuma umlilo…saqonda ukuba masihlehle,” utshilo uPhethela, ebalisela I’solezwe ebelityelele kwindawo yentlekele.


UPhethela uthi abakhange bonzakale, kuba bayibone isaqala le ntlekele yalo mlilo.


Amagosa okucima umlilo aseBuffalo City afike sele itshe kanobomi intloko yesi sigadla, noxa nje ekwazile ukucima nanjengoko ubuninzi beziselo zishiyeke zingenzekanga nto.


Iimoto ezihamba kuN2 zikhe zaphamiseka imizuzu evisayo kuhambo lwazo ngenxa yale ntlekele.