Basindile ekutyiweni ngookrebe eSajonisi

Liqhube kakuhle iphulo i-Operation Hlangula ebelisenziwa lisebe lophuhliso lwentlalo yoluntu kwingingqi yase-O. R. Tambo bekunye nomasipala waseSajonisi Iinjongo ibikukusindisa uluntu lungagaxeleki ekuqwengweni ngookrebe kulwandle iSecond Beach eSajonisi.

I-Second Beach lelona lwandle lidume kakhulu kwizinto ezininzi ezifana nolwaphulo mthetho, ukubulawa kwabantu, ukuhlaselwa kwabantu ngookrebe, ukudlengulwa, kwakunye nokulahleka kwabantwana. Le nkqubo ijongise kubuchule bokulwa ukhuseleko kubantwana kwakunye nabo bangabatyeleli eSajonisi.

Lo masipala kwakunye neli sebe basebenza namanye amasebe afana nelesipolisa, elezempilo, elezentlekele kwakunye nabezohlangulo kulwandle laseSajonisi. Ngethuba kuqhubeka lo Operation Hlangula oonontlalo-ntle bajongene noxanduva labo bantwana bathe badlwengulwa kwanabo bathe bahlatywa bababeke kwindawo ekhuselekileyo.

UMzaliseni Gcaleka kamasipala nobephambili kule nkqubo uyavuma ukuba iqhube kakuhle kulo nyaka nanjengoko ziye zambalwa iingxelo ezingenileyo zolwaphulo-mthetho kolu lwandle xa kuthelekiswa neminye iminyaka. UGcaleka uthi, babekhona ababanjelwe ukuqhuba benxilile, ukulayisha ngapha komlinganiselo kwanokungabi nazimpepha zokuqhuba .

Akukhange kurhaxwe mntu kwaye akukhange kuhlaselwe mntu ngukrebe nanjengoko nabohlangulo elwandle bebekho ubusuku nemini.