Basingise eGoli oosofashoni beMpuma Koloni

LISHUMI loosofashoni abasakhasayo abasingise eRhawutini ukuze baxhokonkxwe izakhono zabo zokuyila nokuthunga iimpahla.

Konke oku kwenzeka phantsi kwegama le-Buyel’ Ekhaya Fashion Development Programme eenjongo zokuphuhlisa oosofashoni abasema ngetafile kwiMpuma Koloni.

NgoMvulo, umhla we-23 kweyeDwarha, usofashoni oyindumasi uDavid Tlale, ehamba negqiza leejaji bebehlanganisene ngeentloko eMiriam Makeba bezama ukukhetha ishumi labo bahambe phambili kolu qeqesho ngokwamehlo abo.

I’solezwe belikhona apho, laze lasabela kuTlale ngokukhula kwale nkqubo.

“Ibonakala ingcono kakhulu kunonyaka ophelileyo. Apha sibona ulutsha olunomdla kwaye elinesakhono esingumangaliso,” kutsho uTlale. IBuyel’ Ekhaya Fashion Development Programme ukuqala kunyaka ophelileyo ibeke esithatheni abo bazibiza oosofashoni bangomso ngelithi mabeze babonise ngeso sakhono banaso.

Ishumi elikhethwe kwabaninzi kulindeleke liqalise noqeqesho olukhokelwe ngusofashoni uThula Sindi eRhawutini ngomhla we-6 ukuya kowe-15 kweyeNkanga 2017.

Ngeli thuba, elishumi lizakuthunga kwaye livelise iimpahla eliza kuzibonisa kwiBuyel’ Ekhaya Fashion Show ezakubanjwa ngowe-15 kweyoMnga eOrient Theatre eMonti.

Kolo suku lalo mboniso kwakube kukho iincutshe zokuyila iimpahla eziquka uLaduma Ngxokolo (MaXhosa), David Tlale, Thula Sindi, Gert-Johan Coetzee nomyili-mpahla waseMozambique uTaibo Bacar.

Omnye kwabo balishumi abakhethiweyo, uMasimzukise Jack waseMonti, uvakalise uchulumanco ngokuba kolu luhlu luya eRhawutini. Uneshishini lomthungo endlwini yakhe eseQuigney.
Abanye abakhethiweyo: Ati Banoyolo Nwabisa Setipa (Mount Croix), Khanya Matolengwe (New Brighton), Lelethu Tyethe (Mdantsane), Ludidi Onke (zwelitsha), Lungela Sijila (zwelitsha), Melinda Nkayi (Ezibeleni), Nomfuneko Kenyane (Mdantsane), Yanga Nginda (Esplanade) noZandile Goniwe (eMonti).