Basixhenxe ababhubhele ezindleleni ngempelaveki!

BASIXHENXE abantu abasutywe kukufa kwiingozi ezibikwe eMpuma Koloni ngenjikalanga yangeCawe.

Ongumlomo wamapolisa, uCaptain Mali Govender, uthi bahlanu abantu ababhubhe kwingozi eyehle kwindlela u-R67 phakathi kweRhini nePort Alfred emin’ emaqanda izolo.
Uthe abanye abantu abane, kuquka nemveku, bagaxeleke kwingozi eyehle kumgama ongangeekhilomitha ezilishumi elinesithathu ngaphandle kwedolophu yaseRhini.
“Abaziboneleyo kwindawo yesehlo bathi imoto  iye yabhukuqa ngelixa eyesibini iye yayokunkaleka kule yokuqala,” utshilo uGovender.
Uthe abo bonzakeleyo babalekiselwe esibhedlele.
Kusenjalo, uGovender uthe abantu ababini babhubhile ngelixa abane bonzakele ngokumasikizi ngethuba izithuthi ezibini zingqubana ku-R67 ophakathi kwePort Alfred neRhini malunga necala emva kwentsimbi yesibini emini ngeCawe.
“Amapolisa aphanda amatyala okubulala ngaphandle kwenjongo,” utshilo.