Basola umona ngomlilo otshise umzi wakwaKupelo

USAPHO lakwaKupelo eMkhankatho eLibode, lusola umona welali kulandela isivuthe-vuthe somlilo oqale egadini wanwenwela nakwiintango zalo mzi.

Lo mlilo wenzeke ngentseni ngeCawe kwikhaya likaSizwe Kupelo osisithethi kurhulumente wephondo.

UKupelo ubhale kuFacebook wakhe ngeCawe ephalaza imbilini, ekwasizela nomama wakhe obekhona ngethuba kuqhambuka lo mlilo.

Ezona zinto zonakeleyo ngenxa yalo mlilo ziintango, ukutya kweenkomo, izixhobo zekhaya zokusebenza, amagumbi amane endlu kwanezinto ezibalulekileyo ezifana ne-ID.

“Ndingathi ngumona nje wabantu basekuhlaleni kuba siyayazi akukho lali apho kungekho mona okanye iingxaki khona,” kutsho uKupelo.

Uthi, lo mlilo barhanela ukuba uqhwithwe egadini.

“Abona bantu bancedileyo ngabamelwane basekhaya nababone la madangatya kwabe sele kukhwazwa, yakhawulezisa yakhutshwa nemfuyo ebingaphakathi ethangweni njengoko ubusele ungena kodwa ngeemfefe zoMdali akukho nasinye isilwanyana esichaphazelekileyo ngumlilo,” utshilo uKupelo.

Udize ukuba izinto ezithe zatsha zingaxabisa iR160 000. Uthi eyona ndlu inkulu isindile.

Owekhaya noziboneleyo obekwalixhoba lokutshelwa yi-ID yakhe uSinethemba Kupelo uthi, emveni kokoyisakala kwabo ngamadangatya omlilo xa bebezama ukubhula bekunye nabamelwane, babize izicima mlilo nekuthe yazizo ezisindisa okuninzi kwela khaya kuba ubusele unwenwa umlilo.

“Sibulela ukuba kungekho mntu wonzakeleyo ebengaphakathi, ngoku okushiyekileyo kuba siyoqalela ii-ID,” kutsho uSinethemba, okwathe neempahla zabo zishiyeke ziluthuthu.

USinethemba uthi ityala balivulile emapoliseni alammandla.

abongile.ginya@inl.co.za