Basola unyawo lwemfene kuzwelonke abeANC Youth League ephondweni

IKHABA lolutsha leANC eMpuma Koloni lithi isigqibo seANC Youth League kazwelonke sokuba kuchithwe ikomiti embaxa yeli khaba ephondweni senziwe kungalandelwanga mithetho, ngoko ke lo mbutho uzakubhena.

Isigqibo sokuchithwa kweli khaba sithatyathwe kwindibano yeANC Youth League kazwelonke ebibanjelwe eRhawutini kwimpela-veki esiyishiya ngasemva.

Isithethi seANC Youth League kuzwelonke uMlondi Mkhize ucatshulwe yimithombo yeendaba esithi ukuchithwa kwekomiti yeANC Youth League yaseMpuma Koloni lilinge lalo mbutho “lokuqinisa amasebe awo”.

Kodwa osisithethi seANC Youth League eMpuma Koloni uAyongezwa Lungisa uthi bayabhena kwesi sigqibo.

“Sive kumajelo eendaba ukuba ikomiti yethu yephondo ichithiwe. Siyabhena kwesi sigqibo kuba sicinga ukuba akukhange kulandelwe mithetho yombutho,” utsho uLungisa.

Ukuchithwa kwale komiti yephondo kuza nje emva kweeveki ezimbini iANC Youth League yaseMpuma Koloni imemelele ukuba ifuna kubanjwe inkomfa yaphambi kwexesha ukuze kusonjululwe iingxaki ezijamelene neANC kuzwelonke.

Kwingxelo yayo eyayikhutshwe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo iANC YL yephondo yadiza ukuba: “Umyalezo othunyelwe kwiANC ngabavoti baseNelson Mandela Bay, ucace gca – okokuba mayitshintshe indlela eyenza ngayo izinto iANC.”

ULungisa uthi basola ukuba kukho unyawo lwemfene kwisigqibo sokuchithwa kwekomiti yephondo.

Uthi bazakubhalela kwiikomiti ezimbaxa zikazwelonke zeANC YL neANC buqu, bebhena.