‘Baswele umbulelo aba mafikizolo baseForte FM’

Usihlalo webhodi yesikhululo iForte FM, uMlindi Nhanha umfanekiso: parliament rsa

Usihlalo webhodi yesikhululo iForte FM, uMlindi Nhanha, okwalilungu lePalamente leDA kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (NCOP), uthi umgaqosiseko weForte awubali minyaka yokuba usihlalo webhodi ufanele ukuyeka nini, ngoko ke xa ungekatshintshi useza kuphatha ukuba uyafuna.

UNhanha ebephendula kwizikhalazo zabasasazi baseForte FM abakhala ngempathombi ezandleni zakhe njengosihlalo webhodi yesikhululo.

Bencokolela I’solezwe lesiXhosa kwiveki ephelileyo, abasasazi besikhululo babalule impathombi nekhokelele ekungahoyweni kwesikhululo kuquka nokusilela ekuhlawulweni kwabasasazi.

Abasasazi besi sikhululo bathi bagqibele ukufumana intlawulo yabo kwiveki yokuqala kwinyanga yoMnga, iyintlawulo yenyanga yeNkanga. Intlawulo yenyanga yoMnga bathi abakayifumani.

Bakwancokolele I’solezwe lesiXhosa bebanga ngelithi akukho fowuni kwesi sikhululo kuba akuhlawulwa zintlawulo zefowuni. Bathi kunzima nokuya kuqokelela iindaba. “Siye sibethe kuthi iiR10 xa sifuna ukwenza udliwanondlebe,” utshilo omnye umsasazi.

Kodwa uNhanha ukhwele ezehlela kubo esithi “aba mafikizolo baswele umbulelo”.

Lo kaNhanha uthi wayephakathi kwabantu abaqala isikhululo iForte FM ngo2002. “Njengosihlalo webhodi, asiloxanduva lwam ukungenisa imali esitishini, akukho mntu ongayaziyo ukuba izikhululo zasekuhlaleni zixhomekeke kwiintengiso, ngoko luxanduva lwesebe leentengiso ukwenza (imali), into abasileleyo ukuyenza.

“Ndincame ixesha lam kwanezinto zam ndinceda isikhululo kule minyaka idlulileyo, kodwa aba mafikizolo baswele umbulelo. Namhlanje iForte FM inelayisenisi yeminye iminyaka emine, ndichithe iintsuku ndisenza eso sicelo, into ebifanele ukuba yenziwa ngumanejala wesitishi kodwa ongayazi nokuba makaqale ngaphi,” utshilo uNhanha.

UNhanha uthi iForte “ayinabasebenzi” koko “inamavolontiya”.

“Izivumelwano nabo ziphelelwe kunyaka ophelileyo, ngoku bavolontiya (ngokwesivumelwano) senyanga ukuya kwinyanga. Ngoko ke isikhululo asinaxanduva kubo. Bayayazi ukuba iimali zabo (stipend) zihlawulwa xa kukho imali (esitishini),” utshilo uNhanha esithi uqaphele ukuba kukho igumgedle lokutshabalalisa esa sikhululo.

Lo kaNhanha ukwathe uza kuthabatha amanyathelo ezomthetho ngakubasasazi abathe bagrogrisa umama wakhe oneengxaki zentliziyo kwinyanga yoMnga.

UNhanha uthi kungekudala baza kudibana negqiza elithunyelwe yingqonyela yeYunivesithi yaseFort Hare, uNjingalwazi Sakhela Buhlungu, ukuze bashukuxe iinzingo zesi sikhululo.