Bathi abavoti eDorchester

Abazukuthatha nxaxheba kulonyulo oluzayo loomasipala abahlali bendawo yamatyotyombe eDorchester Hieghts eMonti ngenxa yokuba abalishumi elinesithandathu kubo abanazo izazisi.

Inkokheli yabahlali bale ndawo uToto Dyani uthi akazazi ezona zizathu zibangela aba bantu ukuba bangabinazo izazisi.

“Ndingathi kuwe abafuni ukubanazo izazisi aba bantu kuba bayayazi ukuba kwenziwa njani ukuze umntu afumane incwadi, nomdla wabo uphantsi kakhulu ngenxa yentlupheko,” uchaze oko uDyani.

UPamela Ndidi ngomnye kwabo bangenazo ezi ncwadi ngelithi eyakhe yalahleka incwadi.

“Kuba andinazo kwa iinjongo zokuvota ngoko ke andinaso isazisi endandinaso salahleka kwiminyaka emithathu egqithileyo,”utsho uNdidi.

Aba bahlali baqale ukuhlala kule ndawo ngonyaka ka1993 ngokushiyana kwabo.

Le ndawo ayinalo nolunjani uhlobo leenkonzo ezifana namanzi, izindlu zangasese, izindlu kwanemisebenzi.

“Sinezindlu ezingamashumi amahlanu apha, uninzi labantu esinabo apha abaphangeli abo bafane baphangele kwiindawo zethutyana bephangela iintsukwana, asijiki asisoze sivote apha,”utsho uDyani.

UDyani uthi uceba wala ndawo wabaxelela ukuba bayingqokelela yezaphula mthetho eyoyikisa abelungu abahlala kufutshane nale ndawo.”

Uceba walapha uDinesh Vallabh uthi abelungu abahlala kule ndawo bathi sizizaphula umthetho bayasoyika yilo nto singanikwa zinkonzo ngumasipala kuba umasipala ukuthethwano lokuba sisuswe kule ndawo,” utshilo uDyani.

Uthi okona kuxakayo kukuba akukho namnye umntu owakha waphula umthetho kule ndawo kwaye bafuna ukwakhelwa izindlu kwakule ndawo.

“Asihambi apha thina sifuna kulungiswe le ndawo, kuba amapolisa ayeza apha awazange afumane nasinye isibi apha ayeza phantse yonke imihla akukho nomhlali owakha wabanjwa kusithwa ubile apha,” uthethe oko uDyani.

Ukanti uceba wale ndawo uDinesh Vallabh uthi le ndawo ayinakuze ilifumane uncedo de kufunyanwe enye indawo yokuhlala ekwimeko elungileyo.

“Ndithethe ndancama noomasipala bathi aba bantu mabasuke apha baye kwenye indawo abantu kwelabo icala abavumi kusuka apha,” utsho uceba.

Ozigqatsele ukuba nguceba wale ndawo phantsi kombutho weDA uKhuthala Mntumni akafumanekanga ukunikwa ilizwi ngale meko.

Abahlali bale ndawo batyhola imibutho eyahlukileyo equka iANC, EFF kunye neDA ngokubaxokisa.