Bathi akuzuvotelwa esikolweni abazali

Abafundi besikolo samabanga aphantsi iMkhanyiseli eNyanga kunye nabazali benze umngcelele ukuya kwiiofisi zeSebe lezeMfundo eMitchells PlainUmfanekiso: Buziwe Nocuze

Abazali baseNyanga abanabantwana abafunda kwisikolo samabanga aphantsi iMkhanyiseli eKapa kuquka nabantwana besi sikolo bamatshele kwiiofisi zesebe lezeMfundo ngokuyokukhalazela ukungahoywa kwabo.

UFanelwa Moya noneminyaka angamashumi amane anesine ubudala, nongomnye wabazali abanabantwana kwesi sikolo uxelele I’solezwe ukuba kudala belinde impendulo kwisebe lezeMfundo.

“Esi sikolo sidala kwaye abantwana bethu abakhuselekanga apha kuso, zizihlandlo ezingaphezulu kwisithathu sindwendwela isebe, lithembise ukuba lizokuphendula kodwa ayizange yenzeka lo nto” utshilo uMoya.

Lo kaMoya uqhube wathi isizathu sokuba bathathe abantwana baye nabo kwezi ofisi kungokuba bafuna isebe libone ukuba badiniwe kukungahoywa.

“Siyayiqonda into yokuba imfundo ibalulekile kwaye olu suku sivale ngalo isikolo aluzukubuya, kodwa ke ngekhe kube mnandi kuthi xa abantwana bethu benokulimala kwesi sikolo,” utshilo uMoya.

Ukwavakalise ukuba esi sikolo sesinye sezikolo ekuye kuvotelwe kuzo kodwa ngomhla wovoto abazukuvumela oko de isebe liphendule.

“Ukuba kufike umhla wesibhozo singaphendulwangwa sizosivala esi sikolo, akukho namnye umntu esizomvumela ukuba avotele apha kuso,” utshilo uMoya.

Aba bazali kunye nabafundi basuke eNyanga baya kutsho kwiiofisi zeSebe eMitchell’s Plain.

Omnye wabazali ongathandanga ukuba igama lakhe lichazwe, uthe uloyiko lwabo kukuba iititshala zifuna ukuhamba kwesi sikolo kuba sidala kwaye asikhuselekanga.

“Abantwana bethu baza kufundiswa ngubani xa aba titshala bekhangela umsebenzi ezikolweni ezibhadlileyo,” kubuza umzali.

Kumaxwebhu ebephethwe ngabafundi bekukhona abhalwe ukuba,

“Akuzuvotelwa esikolweni sethu, logama kwamanye bekubhalwe ukuba makuchithwe isikolo esidala kwakhiwe esitsha. UNyameko Silwanyana nongomnye wabazali, uthe isimanga abasenzelwe liSebe kukungciba iindawo ezivuzayo kwesi sikolo endaweni yokusidiliza.

“Kucace nakuthathatha ukuba esi sikolo sokuze sakhiwe ngokutsha, jonga le nto banesibindi zokuvala iindawo ezinethayo okungathi lityotyombe phofu ezinye ke zingawo, iyabonakalisa lo nto ukuba senziwa izibhanxa,” utshilo uSilwanyana.

Watsho esithi imbi into eyenziwa ngurhulumente oyakuze angabahoyi abantu xa becela okanye bekhalaza kakuhle.

“Icacile ukuba ukuze ube uyahoywa kufuneka uqhankqalaze kwaye utshise nezinto kuba ukuqala kwethu ukudibana nabo saya kakuhle sabamba iintlanganiso nabo kodwa kude kube ngoku asikhaphendulwa, ithi ke lo nto ngabantu abathanda ukuphendula emva koqhankqalazo,” utshilo.

I’solezwe lizamile ukufumana iSithethi seSebe lezeMfundo ukuba liphefumle ngale ngxaki, kodwa oko belithembise ukuphinda libuyele kwintatheli yeli phepha.