Badele imvula nengqele ebiqhaqhazelisa amazinyo ngoLwesibini abahlali, abafundi kunye nootitshala besikolo samabanga aphantsi iTsazo kwidolophu yaseNgcobo, baya kuzalisa inkundla kamantyi, besithi phantsi ngebheyile kotyholwa ngokudlwengula umfundi.
Aba bahlali bathi, banoloyiko lokuba xa enokukhutshwa ngebheyile uSiyabulela Kulati oqikelelwa kwiminyaka engamashumi amahlanu ukuya kwamathandathu angenza nantoni na kweli xhoba.
Ixhoba eli lihlala nomakhulu walo kule lali, umrhanelwa uze njengomhlobo kamalume wexhoba, malume lowo ungahlali kweli khaya.
Utitshalakazi wexhoba uNokuvela Beja uthi, ikhwelo lihlatywe ngummelwane wexhoba esithi ucela isikolo singenelele emva kokuba ixhoba lifike likhala kuye laxela ukuba kudala le meko iqhubeka, udiniwe yena ngoku kukuphathwa kakubi.
‘’Ixhoba eli ngumntu obuthathaka ngokwasengqondweni kuthathe ixesha elide ukuba asixele esi senzo, nanjengoko umrhanelwa ubemgrogrisa ngokumbulala xa enokuxelela nabani na. Njengokuba engenaye umntu ongamthethelela, siyilali nesikolo sithi masibe ngabo bathetheli kungenzeki izinto ezinje sithule nje’’ utsho uBeja.
Abafundi nabo, bathi bayamxhasa ugxa wabo, amantombazanana athi anoloyiko ngokhuseleko lwabo ekuhlaleni yaye baxolela ukungafundi, mihla le umrhanewa evela enkundeni bazakuphuma ngobuninzi babo banike inkxaso kugxa wabo.
Ixhoba elineminyaka engamashumi amabini khange libekho enkundleni, utitshala walo uthi, linoloyiko lokujongana ngqo noKulati ngenxa yezigrogriso zakhe.
Ityala limiselwe umhla wesithathu kwinyanga kaMeyi, apho uKulati azakufaka isicelo sebheyile, okwangoku useselugcinweni lwamapolisa.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo