Abahlali baseBhayi bathetha ngabarhalela ukubona kutshintshile kumasipala wabo iNelson Mandela Bay.
Stanton James: “Mawusitshulwe neengcambu umlo woonqevu kumantla aseBhayi (Northern Areas), futhi kupheliswe nyaa ukuthengiswa kweziyobisi kwiindawo esihlala kuzo.”
Stella Mini: “Siyafa ziintlawulo zeenkonzo eziphezulu zikamasipala. Sinengxaki yokuxhwitshilelwa iibhegi zethu xa sisiya emsebenzi ekuseni, sicela noko amapolisa ale ndawo asincedise ajonge iindawo ezifana neCentral ingakumbi ekuseni.”
Mzwamadoda Veto: “Sinengxaki yokuthengiswa kweziyobisi. Le ngxaki isixakile futhi namapolisa ohlulekile ukuyilwa. Sicela urhulumente kazwelonke angenelele. Sikwafuna izindlu ezisemgangathweni, hayi la mabobosi sihlala kuwo. Abantwana bethu mabaxhamle kwimfundo esemgangathweni, futhi kubekho imisebenzi esisigxina hayi eyethutyana.”
Umhlali waseJoe Slovo eBhayi: “Ooceba bethu mabayeke ukulwa bodwa, koko baphuhlise iindawo esihlala kuzo. Ndikuthetha oku kwindawo endihlala kuyo, ozigqatsele ukuba nguceba phantsi kombutho we-ANC uqhale umlo kwakunye nozigqatsele (umth’ uzimele) ukuba nguceba kule ndawo. Enye into sinengxaki yeziyobisi eJoe Slovo, nditsho nkqu nabantwana abakwiminyaka elishumi elinesibini (12) batshaya iziyobisi.”
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo