Bathini oosaziwayo ngemini yenkululeko?

UNATHI KONDILE
INKULULEKO ITHETHA NTONI KUWE?

UMZANTSI Afrika sele eneminyaka engama-23 ugugutha kwimihlaba yenkululeko. Abanye ke ngolu suku bathi nangona nje uMzantsi Afrika uxhamla inkululeko, kodwa kusekude engqinibeni.
Kodwa noxa kunjalo, umhla we-27 kuTshazimpuzi lusuku lokubhiyoza nokuzigoca-goca siluluntu lweli lizwe ukuba inkululeko ithetha ntoni kuthi, kwaye sifuna isenzele ntoni.
Sibambe oosaziwayo nabanye abantu abenza imisebenzi eqaphelekayo kumakhondo athile ohlukeneyo, sibabuza okuthethwa lolu suku kubo noko bakwenzayo ukuliqaphela.
UNATHI KONDILE (Umhleli we-I’solezwe lesiXhosa)

Olu suku lwenkululeko lithuba lokuba sikhumbule umhla esaqala ngawo ukuvota singabantu abantsundu.
Sisikhumbuzo kuphela kum olu suku. Yona inkululeko yinto ekumele ukuba umntu uphila ngayo yonke imihla. Ayinasuku!
CHUMANI PAN (Umdlali wemiboniso kumabonakude)

Inkululeko ithetha ukuba ndiyakwazi ukuphila iphupha lam kwaye ndikhulukile ukuba ndingenza nantoni na endiyifunayo.
Kolu suku ndizakube ndihleli nosapho lwam siphumle.
ANELE PENNY (Umdlali wemidlalo yeqonga)

Inkululeko lusuku olukhulu kuye wonke ummi woMzantsi Afrika, lusuku oluxabisekileyo, elowo nalowo kufanele abhiyoze kwindawo akuyo.
Mna nabanye abadlali beqonga sizivalele eDaku Hall siphefumlelana ngemasikwenze ukuzama ukuzikhulisa.
MUTODI NESHEHE (Umdlali kwimiboniso kamabonakude)

Olu suku luthande ukuba nzinyana kum, ikwangunobangela wokuba ndithunyelwe eMelika kwasekuqaleni. Luyandichukumisa kakhulu. 
Siya emlanjeni namhlanje, siyokukhwela amaphenyane -sizonwabise.
BUKIWE ZIDE ( Umfundi weendaba kunomathotholo)

Olu suku kum lusisikhumbuzo sokuba sinamalungelo ahamba noxanduva. Owona mnqweno wam ngowokuba abantu bahloniphe amalungelo abanye abantu.
Sikhumbule ukuba kukho imiphefumlo eyalahlekayo khon’ ukuze singcamle le nkululeko.
Namhlanje ndiphumle nabahlobo bam eBlue Horizon Bay sitshisa inyama.
NGENISWA SIDLOYI ( Umfundi weendaba zikamabonakude)

Kwa ukuba ndihambe ngokukhululekileyo esitalatweni yinkululeko kum, akufani nakuqala apho abantu babefakwa izinja, bengakwazi nokuthetha ukuba bacinga ntoni.
Ndizakube ndibukele umdlalo webhola eDan Qeqe Stadium.