Bathweswa izidanga ngonxibelelwano lomnatha eWSU

IMIFANEKISO: WSU
EMBALINI kokokuqala iYunivesithi yaseWalter Sisulu iza kuqhuba umsitho wothwesozidanga kubafundi bayo abangapha kwe6 000 ngonxibelelwano lomnatha. 
Oku kubangelwa yintsholongwane yeKhorona evalele abantu ezindlini. 

Lo msitho ubanjwa namhlanje (Lwesihlanu) kwikhasi likaFacebook laseWSU, ukuqala ngentsimbi yeshumi elinesibini, ze ubengentsimbi yokuqala kwiBayTV.
Ingqonyela yaseWSU uNjing. Rob Midgley uthe: “Ngenxa yemiqathango eye yabekwa ngurhulumente malunga nokumiswa kweentshukumo kuquka nemisitho, sibone ukuba lo umsitho wothwesozidanga wabafundi baka2020 masiwuqhube ngonxibelelwano lomnatha. 

“Kanti nokuba iintshukumo bezinganyenyiswa, ibingazoba bubuchule ukudibanisa amawaka ngamawaka abafundi kwakunye neentsapho zabo ezizokubukela kwindawo enye ngeli xesha linzima,” utshilo uMidgley.
IWSU ineekhampasi ezine iGcuwa, Komani, Mthatha kwakunye neMonti. 
Ukanti abafundi ekulindeleke ukuba bathabathe inxaxheba kuFacebook waseWSU bakhaba ngawo omane bevakalisa izimvo zabo besithi lo msitho ubunokulinda kudlule eli XESHA lobunzima, abafuni uqhube ngonxibelelwano lomnatha. 
Inkokheli yabafundi eWSU uSipho Sizani ethetha neli phephandaba uthi bebekhe bakukhaba ukuthweswa kwezidanga ngonxibelelwano lomnatha, kodwa baphinda bagoba uphondo ngenxa yokubona imeko elizweni.  EMBALINI kokokuqala iYunivesithi yaseWalter Sisulu IZA kuqhuba umsitho wothwesozidanga kubafundi bayo abangapha kwe6 000 ngonxibelelwano lomnatha. 
Oku kubangelwa yintsholongwane yeKhorona evalele abantu ezindlini. 
Lo msitho ubanjwa namhlanje (Lwesihlanu) kwikhasi likaFacebook laseWSU, ukuqala ngentsimbi yeshumi elinesibini, ze ubengentsimbi yokuqala kwiBayTV.
Ingqonyela yaseWSU uNjing. Rob Midgley uthe: “Ngenxa yemiqathango eye yabekwa ngurhulumente malunga nokumiswa kweentshukumo kuquka nemisitho, sibone ukuba lo umsitho wothwesozidanga wabafundi baka2020 masiwuqhube ngonxibelelwano lomnatha. 
“Kanti nokuba iintshukumo bezinganyenyiswa, ibingazoba bubuchule ukudibanisa amawaka ngamawaka abafundi kwakunye neentsapho zabo ezizokubukela kwindawo enye ngeli xesha linzima,” utshilo uMidgley.
IWSU ineekhampasi ezine iGcuwa, Komani, Mthatha kwakunye neMonti. 
Ukanti abafundi ekulindeleke ukuba bathabathe inxaxheba kuFacebook waseWSU bakhaba ngawo omane bevakalisa izimvo zabo besithi lo msitho ubunokulinda kudlule eli XESHA lobunzima, abafuni uqhube ngonxibelelwano lomnatha. 
Inkokheli yabafundi eWSU uSipho Sizani ethetha neli phephandaba uthi bebekhe bakukhaba ukuthweswa kwezidanga ngonxibelelwano lomnatha, kodwa baphinda bagoba uphondo ngenxa yokubona imeko elizweni.