Batsala nzima emva kokubamba ugwayimbo

Basaphila ngokukhongozwa abasebenzi abangamashumi amabini anesine beenkampani ezimbini iRed Aert noonogada benkampani iXhobani eziqeshwe kumaziko emfundo enomsila iWalter Sisulu eMthatha.

Aba basebenzi bayinxalenye yeqela elangenela ugwayimbo olungekho semthethweni kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo benyanzelisa ukuqeshwa ngokusisigxina yiYunivesithi iWalter Sisulu bekhalazela impatheko mbi kwezi nkampani zimbini.

Uninzi lwabasebenzi sele lubuyele emsebenzini ngokwesivumelwano seNehawu nezi nkampani, kodwa abanye alikacaci ikamva labo kulandela ukungafumani ingcaciso ngekamva labo.

Abachaphazelekayo abasondele ekhulwini bekhokelwa litshantliziyo lamalungelo abasebenzi uVusi Mahlangu bebehlanganise iintloko eSavoy Gardens eMthatha ngoMgqibelo bekhangela indlela eya phambili.

Phakathi kwabasebenzi abagxothiweyo nguSandile Jara, Lubabalo Bango kunye noMalwandle Ndamase abatyholwa ngokubetha imanejala yakwaXhobani ngethuba logwayimbo.

Omnye wabasebenzi abasaphila ngokungqiba nongekabuyeli emsebenzini uMalwandle Ndamase uthe: “Ukugxothwa kwam kundishiye ndingazi ukuba mandithini, andinayo nemali yokubhatala indawo endihlala kuyo. Umbutho iNehawu owathi makubuyelwe emsebenzini awuveli ndawo xa sizama ukuva imeko yethu ukuba ithini.

“Ndatyholwa ngokubetha imanejala kwityala eliqhuba enkundleni yamatyala, kodwa ummangali akezi enkundleni sele siye amatyeli amane. Andikwazi nokondla usapho lwam,” utshilo uNdamase.

UMahlangu uthi kule ndibano bebeqwalasela iimpazamo abazenzileyo ngethuba kuqala ugwayimbo bekwasungule ikomiti ezonwenwisa olu gwayimbo luye nakwamanye amaziko aquka elaseMonti, Komani naseGcuwa.

Ukwathi bafuna ukuthetha nezi nkampani zicacise ngekamva labasebenzi abangekabuyeli emsebenzini nangona kwakuvunyelwene nje kwiyanga ephelileyo. UMahlangu uthi le meko ngahle inyanzelise babuyele kugwayimbo.