Batshe babhubha kwingozi emasikizi kuN2

NGABANTU abane abatshe babhubha kwingozi emasikizi eyehle kufuphi nefama yakwaThompson kuhola wendlela uN2 phakathi kweQumrha neGcuwa ngentseni yangoLwesine.

Le ngozi yenzeke emva kokungqubana okweenkunzi zegusha phakathi kwemoto yohlobo lweSedan, iToyota Etios, kwakunye nebhaki yakwaIsuzu, emva koko kwavutha umlilo kwezi moto zombini. Le bhaki ibivela kwindlela esuka ngaseMonti logama iEtios ibivela ngaseGcuwa.

Aba babhubhileyo bane bebekhwele kwiToyota Etios, kwaye othethela iSebe lezoThutho Mpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi batshe babhubha kangangokuba abaziwa nesini sabo.

“Abenkonzo zohlangulo bakwazile ukuhlangula abahlanu abebekhwele kwibhaki, ze baleqiswa esibhedlele eFrere,” utshilo uBinqose, ekwathi ingozi iphandwa ngamapolisa aseQumrha.

UMphathiswa wezoThutho ephondweni, uWeziwe Tikana-Gxothiwe, uyichaze njengendlela embi kakhulu le ngozi kusuku lokugqibela lonyaka owakhe wanzima ehlabathini.