Batshe baluthuthu kwingozi emasikizi yeteksi

Iteksi ebisuka eRhawutini isingise eMpuma Koloni ingqubene neveni kwatsha abakhweli baluthuthu. UMFANEKISO: FACEBOOK

NGABANTU abalithoba abatshe baluthuthu ze oweshumi wabhubhela esibhedlele emva kokuba iteksi ebebehamba ngayo ingqubene neveni yomfama, yavutha umlilo, kufuphi nedolophu iZastron kwiphondo laseFreyistata ngoLwesihlanu.

Le teksi kukholeleka ukuba ibikwindlela esuka eRhawutini isingise eMpuma Koloni.

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi bebelishumi abantu abebekhwele kule teksi logama bebebathathu kule veni.

“Abakhweli abalithoba beteksi babhubhe ngoko nangoko emva kokuba ithe yavutha umlilo ngesaquphe. Umkhweli weshumi ubhubhele esibhedlele,” utshilo uKupelo.

Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle kwakunye noMkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga bebeseAlivani kwiphulo lokukhuthaza abaqhubi ukuba baqhube ngobunono ngethuba kusenzeka le ngozi.

UKupelo uthi uMasualle ucele abenkonzo ezingxamisekileyo eAlivani ukuba baleqise kule ngozi noxa nje ithe yenzeka eFreyistata.