Batshinte iisuti ngempahla yesiNtu kwamantyi eNgcobo

Abasebenzi benkundla kamantyi eNGcobo benxibe ezesiNtu, ngelivala imibhiyozo yenyanga yamagugu namafa ethu. Umfanekiso: Malwande Mantshule

XA uyazi imvelaphi yakho
uyazazi ukuba uyaphi, sifuna ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyazazi ukuba
uyaphi. Lawo ngamazi kamanejala wenkundla kamantyi yaseNgcobo uVincent
Magwantshu.

Abasebenzi bale nkundla
bazijule kude iisuti, nempahla enxitywa enkundleni abasebenzi bakwamantyi
eNgcobo, banxiba ezesiNtu, bepheka ngeembiza ukutya kwesiXhosa ngelibhiyozela
inyanga yamagugu namafa ethu.

Umququzeleli wolu suku okwangumsebenzi
kule nkundla uNomhle Mnqwazi uthi bayazidla ngokuba ngabantu abamnyama, ngamasiko
nezithethe zesiNtu. ”Namhlanje sikhethe ukunxiba isiNtu, sipheke iinkobe,
imifuno, isigwampa nolusu. Iinkobe zibonakalisa ukuba thina singabantu
abakhuliswa ngombona, imifuno isikhumbuza ngohlaza olusingqongileyo nekubalulekile
ukuba silugcine.

Siyihlonipha kakhulu
imveli sikhuthaza ukuba igcinwe, nakwinkundla zethu sikhuthaza ukuba
kusetyenziswe iilwimi zemveli” Utsho uMnqwazi.

UMagwantshu uthethe wathi, ”Sikhuthaza
ukuhloniphana singabantu ingakumbi ulutsha ukuba luhloniphe abantu abadala
nathi singabantu abadala sibe ngumzekelo omhle kulutsha.”

UMagwantshu ukhuthaze
uluntu ngelithi, nanjengoko imisebenzi ithande ukunqongophala kubalulekile
ukuba abantu basebenzise amacebo awayesenziwa kudala angadli mali kakhulu.
”Abantu bakudala babelima besitya imifuno nenyama engakhange idibane
nasikhenkcezisi, oku kwakubagcina besempilweni, konga nemali kuba ezi zinto
bezikhona emakhaya. Namhlanje ke sitye igusha yonke nentloko yayo, isanda
kuxhelwa inencasa kakhulu” utshilo.

Konke ukutya okuthe
kwatyiwa ngale mini kuphekwe ngembiza emnyama phandle, kubaselwe ngeenkuni ezithathwe
kumthi owomileyo okule nkundla.