Batshintsha iimeko abafana baseBCM

 

Ilizwe loMzantsi Afrika yindawo engakhuselekanga kumakhosikazi ngenxa yobundlobongela obenziwa ngamadoda, kodwa abafana abane baseBuffalo City bakwiphulo lokuyilwa le meko.

INalithemba Development Foundation, nengumbutho wesisa ongaqamelanga ngarhulumente, nesungulwe ngabafana abane ngeenjongo zokuphucula iimpilo zabantu boMasipala ooMbaxa iBuffalo City, ityelele amatyotyombe akwaNompumelelo eMonti ngoLwesibini, umhla wesithandathu.

Lo mbutho ububambisene nomfundi waseNelson Mandela University oyinzalelwane yaseMonti uAmeeta Patel, base uncedo lwezinto zokuthambisa kunye neephedzi kubahlali abangapha kwekhulu kula matyotyombe.

Aba bafana nguMelumzi Yeye, Chris Gilili, Sakhile Moyakhe kunye noAnelisa Dlokovashe.

Uceba waseNompumelelo, uMakhaya Bopi, obezimase olu nikezelo uthe: “Siyanibulela kakhulu ngento entle eniyenzele abantu balapha. Nalapho nithe xa nicwangcisa iindawo ezahlukeneyo ebezifanelwe sesi sisa nacinga iNompumelelo. Enkosi, umnqweno wethu kukuba ningafumana Amandla niqhubeke nincede nakwezinye indawo,” utshilo uBopi.

INalithemba Dev Foundation ibhaliswe ngenyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka. Yabe sele iqalisa ukugushuza xa bekuqala ukumiswa kweentshukumo kwilizwe emva kokubona ukuba iintsapho ezininzi zishiyeke zibhuqabhuqeka endlaleni kumakhaya azo.

UGilili, olelinye lamalungu eNalithemba Development Foundation, ethetha nephephandaba I’solezwe uthe banephupha bengaba bantu batsha kuba kusekuninzi abaza kwenza bengulo mbutho.

“Iinkqubo zeNalithemba zigxile kakhulu ekuxhotyisweni kwabantu basetyhini, ukuliwa kwendlala nentsokolo, ukuphuhliswa kolutsha, imfundo kunye nezinye.”

Lo mbutho sele utyelele iilokishi zaseMonti ezihlelelekileyo ezinjengeReeston neDuncan Village.