Batshintshe igama lelali iShushu B, bayibiza IShushu Baby

ISEBE lezoThutho eMpuma Koloni likhuphe isilumkiso ngelithi abo batshintsha imibhalo ekwiibhodi zezalathiso endleleni bangajongana nengalo yomthetho.

Oku kuza emva kokutshintshwa kwegama lelali iShushu B elikwibhodi yesalathisi kuN2 phakathi kweNgqushwa neQonce, lasiwa ku IShushu Baby, ngumntu okanye abantu abasebenzise ipeyinti etshizayo.

Isithethi sezoThutho ephondweni, u-Unathi Binqose, uthi bamemelela kuluntu ukuba luphakame lubike naye nawuphi na umntu ongunobangela “wolu lwaphulomthetho, kuba lungabangela ukungaqondi okungeyomfuneko kubaqhubi, nto leyo engakhokelela kwiingozi”.