Abazali belali yaseQunu eMthatha bayasikhalimela isenzo esenziwe ngabantwana babo sokutshisa isikolo abafundela kuso iQunu JSS. Bathi abantwana babo bakope into embi eyenziwa ngabafundi baseVuwani eLimpopo eyokuthi xa benezikhalazo batshise izikolo.
Oku kulandela udushe lababafundi ngentseni yangoLwesibini, beqhanqkalaza esikolweni bekroboza iifesitile zesikolo, befuna kwinqununu yabo esiqwini kuba bekhalela ukuphuma besi sikolo baye kukhekhento bekwakhalela nesohlwayo abathi basifumane xa umfundi ethe wona. Abafundi bakwakhalazela nokuthathwa kweefowuni zabo yinqununu esikolweni ngaphakathi.
Ngokwengxelo ephuma kumhlali ongafunanga kuchazwa nobezibonele ngawenyama uthi, abafundi batshise igumbi lokuphekela bekwaxulutya ngamatye ootishala babo kuquka nenqununu leyo.
Umzali welali uZuziwe Qhingana uthe, le meko ibaxakile ingakumbi bebancinci kangaka aba bantwana ingapha kwamandla abo le bayenzileyo. “Sele bezithathaphi ingqondo zokucinga ukutshisa isikolo bebancinci kangaka, bekungani na ukuba bebengenokuhlala phantsi bathethe ingxaki yabo kootitshala babo bangangxami kongutshisa isikolo esizakuphinda sincede kwabona kwakudlula lento bayenzayo.
Ixhala lelokuba bayenze ngexesha elinzima ekusondele ngalo ixesha lemviwo zokuphela konyaka.” utshilo uQhingana. Ukwathi balawulwa ziziyobisi nanguSatana abantwana babo.
Ngentsasa yayizolo abazali, namalungu ebhodi yesi sikolo kwakunye nootitshala bebevalelene kumanye amagumbi bebambe indibano ezama ukusombulula lenyewe. Inkosi yendawo uNokwanele Balizulu akakhange ayibambe ifowuni ngethuba simzama njengoko ebevaleleke kwindibanoo leyo.
Halala, utshatile uMama Joy!