Batshise imizi abahlali

ABAHLALI ebebelugcwabevu ngumsindo kwaWadi 4 eNtabankulu batshise imizi emihlanu yeenkokeli zangaphambili zeANC kula ngingqi ngeCawa.

Iintsapho zale mizi zisinde ngokulambisa ngelixa izindlu zabo zintunyekwa ngomlilo ngokuhlwa kwilali yakuNowalala.

Obesakuba nguceba weANC uSiwili Magagasi utshiselwe imizi emibini. Intombi kaMagagasi ibike yaxhwilwa ngabahlali kwezi veki zidlulileyo. Eli nyathelo limkhokelele ukuba abhace enosapho lwakhe, bazifihle apho kungekho bani waziyo.

Ezinye iintsapho kubikwa ukuba zive ngabahlali bevuma amagwijo besingise kwimizi yazo, zacela kwabanentsente.

Esi senzo soyanyaniswa noqhankqalazo lwabahlali oluqale ebutsheni benyanga ephelileyo, nolusaqhubayo. Abahlali batyhola iANC ngokungazohoyi izikhalazo zabo.

Bakhalazela uceba abangamfuniyo uZwelixolile Makhosonke abamtyhola ngobuqhophololo, nabanathi banyanzelwa ngaye ngumbutho.

Bathi bafuna uceba ongowasetyhini ababezonyulele yena kwintlangaso zombutho. Bagxeke iANC ngelithi zange ikhe ithumele amagosa ayo azokumamela izikhalazo zabo.

Othethele abahlali uNofikile Mtyhuthuli ugrogrisa ngelithi bazakuqhankqalaza kude kubuye uYesu, kwaye nantoni na ingenzeka.

Akukho mntu ubanjiweyo, kodwa othethela amapolisa uKheneli Soci uthe amatyala okutshisa avuliweyo azakuphandwa.

Kwiveki ephelileyo unobhala jikelele weANC uOscar Mabuyane wathembisa ngelithi kuzakuthunyelwa igqiza elizakuyomamela, kodwa unangoku alikafiki elo gqiza.