Batshise indlu yotyholwa ngokubulala * -Uyinene!

Abahlali baseKhayelitsha eKapa batshise indlu yotyholwa ngokudlwengula kunye nokubulala uUyinene Mrwetyana, bathi sokuze bahlale nosathana ozenza umntu othanda inkonzo kanti ngumbulali: umfanekiso: Buziwe Nocuze

Abahlali baseKhayelitsha eKapa batshise indlu yalowo utyholwa ngokudlwengula abulale umfundi waseUCT obeneminyaka elishumi elinesithoba ubudala, * -Uyinene Mrwetyana.

Ngaphambi kokutshiswa kwale ndlu, abahlali bebebambe intlanganiso ukushukuxa imiba engqonge eli sikizi.

Uceba wale ndawo uPatrick Mngxunyeni uxelele I’solezwe ukuba emva kokuvakala kweendaba zokuba umenzi wobubi ngoweWard yakhe, abahlali baye bacela intlanganiso ekhawulezileyo ukufumana isisombululo.

“Abahlali bebefuna ukwazi ukuba kuza kwenzeka ntoni na njengokuba le ndoda etyholwa ngokwenza eli sikizi ibihlala apha phakathi kwethu, ndithe makhe sijonge uphando ukuba luza kusibeka phi na,” utshilo uMngxunyeni.

Uqhube wathi kule ntlanganiso kukwavele ukuba umrhanelwa lo ebenawo umkhuba wokubizela abantwana endaweni ezimnyama.

“Eyona nto yenze umsindo kakhulu kukuba ebezenza umntu okhonzayo kanti yingcuka nje eyombethe ufele lwegusha,” utshilo uMngxunyeni.

Watsho esithi abahlali baye bamcela ukuba abashiye baqhubekeke nentlanganiso, ngenene uye wenza njalo.

“Sidane kakhulu ngesi sehlo kuba le ndoda ibibonakala njengomntu othuleyo kwaye enesidima, icacile ibiqulethe ukungcola kodwa,” utshilo uMngxunyeni.

Nangona umtyholwa sele efakiwe kumakhasi onxibelelwano kodwa inkundla icelile ukuba igama lakhe lingapapashwa.

UZingisa Mntuyedwa noneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo ubudala uthe njengokuba beqale ngokutshisa indlu nje abahlali, apho bajonge khona kukumenzi wobubi.

“Siyayazi ukuba uza kufumana ibheyile aphinde aqhubeke abulale abantwana kuba ungusathana,” utshilo uMntuyedwa. Uqhube wathi esi senzo sibothuse kakhulu kuba le ndoda ibivuka rhoqo ngeCawe isingise ecaweni.

“Kula cawe yakhe mabakhe bathethe namanina kunye nabantwana ukujonga ukuba abekho na ekudala eziminca ngabo kuba ngale ndlela yenzeke ngayo yonke le nto iyabonakalisa ukuba akaqali,” utshilo uMntuyedwa.

Watsho esithi umtyholwa xa kunokwenzeka afumane ibheyile mhlawumbi abalekele kwenye indawo, abahlali balo ndawo ingakumbi amanina, kufuneka bambulale.

“Angayenzi nje impazamo yokuphumela apha kuba umthetho siyawazi wasoloko uthethelela abenzi bobubi, sidiniwe ke ngoku siza kuzilungisela bona,” utshilo.

Uqhube wathi ukuba nje uke waphuma amanina kufuneka aqinisekise ukuba ayamfumana ambulale khon’ukuze engazukwazi ukuphinda avise abantu ubuhlungu.

“Yinja yomntu leya, nokuba ubalekele kwelinye iphondo siyawacela amanina agqibezele lo msebenzi sele siwuqalile kweli cala kuba nokuba uyayifumana ibheyile andiqondi angayenza impazamo yokubuyela apha okanye kwizihlobo zakhe ezihlala kwalapha eKhayelitsha, kodwa kwenye indawo,” utshilo uMntuyedwa.

Ngethuba isitsha indlu yomtyholwa zifikile izicimamlilo kodwa zagxothwa. Isithethi secandelo lemililo uJermaine Carelse uthe izicimamlilo ezilishumi elinesine kunyanzeleke ukuba zihambe zingawenzanga umsebenzi emva kokugxothwa ngabahlali abebevutha ngumsindo.

“Ngenxa yokoyikisela ubomi bazo izicimamlilo ziye zahamba zingayicimanga indlu ebisele iqalile ukutsha,” utshilo uCarelse.

Isithethi samapolisa aseKapa uLieutenant Colonel Andre Traut, ungqinile ukuba abahlali batshise indlu kodwa umnikazi wendlu akanakuchazwa.

“Unobangela wokutshiswa kwale ndlu awukaziwa nanjengoko amapolisa esenza uphando,” utshilo uTraut.

Uqhube ngelithi akukabanjwa mntu malunga nesi siganeko kwaye amapolisa aza kuhlala kula ndawo ukugcina ucwangco.