Batshise uMzoli ngenxa yomsindo eKapa

Imifanekiso ethatyathwe nguPhando Jikelo

Kapa: Bakhuphele umsindo kwindawo yokuzonwabisa edume kuMzantsi Afrika nakumanye amazwe ngokuthengisa inyama eyojiweyo emnandi abahlali abafuna ukubeka amatyotyombe ngenkani kumhlaba ongengowabo kwingingqi yaseGugulethu. 

Namhlanje, ivenkile eyaziwa ngokuba yakwaNozinga ifikelwe ngamandwendwe ebengalindelwanga angene ngendlovu azithathela kwizinto zangaphakathi ze ayintumeka ngomlilo ivenkile leyo.

Abahlali abasuka kwingingqi NY 108 ne NY6 abafuna ukubeka amatyotyombe ngenkani baqale kwiveki ephelileyo besenza imigushuzo enobundlobongela bevala indlela ngamatayala avuthayo. 

Kwiveki ephelileyo batshise noodula-dula abathathu benkampani iGolden Arrow, besithi bafuna kubuyiswe amatyotyombe abo athathwe ngamagosa onyanzeliso-mthetho namagosa alwa nokubekwa kwamatyotyombe ngokungekho mthethweni kwisiXeko seKapa.

Othethela inkampani uGolden Arrow uBrownen Dyke Byers, udize ukuba: ”ininzi kakhulu imali esiyichithayo silungisa oodula-dula abatshiswa ngabaqhankqalazi abakhalazela izinto ezingadibenanga nale nkampani. Iinkonzo zethu sizakukhe sizinqumamise okwexeshana kula ngingqi de kubuye ucwangco.”

Ingxelo zabeenkonzo zokhuselo nokhuseleko kwisiXeko seKapa zidiza ukuba abaqhankqalazi bakwatshise nesithuthi sabucala namhlanje phambi kwentsimbi yokuqala emin’emaqanda kwaseNY 108. 

Othethela abezi nkonzo uMaxine Jordaan uthi :  “Amagosa onyanzeliso-mthetho abikelwe ngesiganeko sokutshiswa kwevenkile emva kwentsimbi yeshumi elinesibini emini. Kuthe kusajongwe leyo kwafumaneka omnye umyalezo wesithuthi esitshiswayo kwakula ngingqi inye emva kokuba bekuvalwe umgaqo ngamatayala avuthayo.”

Nangona kunjalo, bavakalisa izimvo ezahlukileyo abahlali baseGugulethu kwiqonga lonxibelelwano uFacebook nalapho uninzi lwabo lusigxeka kabukhali isiganeko sokutshiswa kwevenkile yakwaMzoli besithi akanguye urhulumente, logama abanye besithi benze kakuhle abaqhankqalazi kungona bazakutsho bathathelwe ingqalelo.