Batshisiwe babulawa kuba bebe utywala!

Mane (4) amadoda aseBhityi kude kufuphi naseMthatha abanjwe ngamaPolisa emva kokuba kubhaqwe imizimba emibini yamadoda aphakathi kwamashumi amabini anesithoba (29) eminyaka ubudala nonamashumi amathathu (30) ababhaqwe enyengezwe kwindonga zelali iNqwathi.

Ingxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo ithi kula madoda mane abanjelwe izityolo zokubulala esi sibini kukwakho nomnikazi wale thaveni.

UCaptain Matyolo uthi, abacuphi bebephanda ngokunyamalala kwemizimba emibini nalapho uphando lubakhombe kumnikazi wethaveni ne yindawo yentselo ekuhlaleni. Umnikazi lo uyewabathatha wabasa apho amaxhoba bawabeke khona.

Abecuphi, bagagene nombono ombi apho bafike betshile. Amagama amaxhoba ayaziwa azakukhutshwa xa sele kuququnjelwa uphando.

Ingxelo iqhuba ithi esisibini besibandakanyeka ekubiweni kotywala kule thaveni.

Abarharhanelwa (4) baphakathi kwama 28-65 ubudala bavelile kwiNkundla zamaTyala eBhityi ngoMvulo kule veki apho bajongene namatyala amabini okubulala.