Batshe
baluthuthu abafana abathathu belokishi ebizwa ngokuba yiWells Estate eBhayi,
abatyholwa ngobusela nezinye izenzo zobundlobongela nabachazwe ngabahlali
njengabebehlelise uluntu lwale ndawo ubomi bentshontsho.
kumakhaya ale lokishi, bethatha oomabonakude ababizwa ngokuba ziiplasma
nangokubalasela ngokudlwengula nobundladiya.
Bathi
aba bafana bathathwe emini emaqanda emva kokuvuswa besalele ekhayeni lomnye
wabo, emva kokuzingelwa ixesha elide bayokojiwa kwihlathi elikude kufuphi nale lokishi.
Bahambise
bathi ibisisihlanu sonke ebesibanjiwe, kodwa ababini bakwazile ukuqhwesha kulo mlilo
nangona bebese bebomvu kukunkulwa nokukhothwa ngamadangatye omlilo.
Bebengabonakali
nangetshengele abazali babo ngethuba intatheli yeli phephandaba igaleleka kule ndawo
yexhwayelo.
“Siza
kutsho siphumle ekuqhekezelweni izindlu nasekudlwengulweni, kudala silala
sisothuka singcungcuthekiswa ngaba nqevu, kudala sihleli kabuhlungu,” utshilo
omnye wabahlali.
Abanye
babahlali bebehlekisa besithi babawela ukubasika ngeemela bazityele kwinyama
yabafi.
Esi
sibini sisindileyo sithathwe ngesithuthi sezigulana emva kokufunyanwa ngamapolisa sijingxela phakathi
kwala mahlathi.
Othethela
isipolisa sikarhulumente kule ndawo uMncedi Mbombo, uthe amapolisa avule
amatyala amathathu okubulala namabini okuzama ukubulala.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!