Batshiswe ngamatayala oonqevu abathathu eMarikana

Kapa: Abahlali bengingqi yamatyotyombe iMarikana ngasePhilippi, bathi badikiwe kukuphila ubomi bentshontsho bengcungcuthekiswa zizigila-mkhuba zibakhabela amacango ezindlu zabo, zithatha izinto zabo zexabiso.

Aba bahlali babethe batshisa abafana abathathu bala ngingqi abatyholwa ngokuba ngoonqevu abaphanga abantu beqhekeza nemizi.

Abahlali bathi ngokutshisa aba barhanelwa bebefuna ukuhoywa ngamagosa karhulumente kuba ulwaphulo mthetho luyaqatsela kula ngingqi.

Kutyholwa ngokuba abarhanelwa bebebaphethe mantsantsa abaphangeli ngexesha lokuya emisebenzini. Nangona kunjalo, uninakazi womnye wabarhanelwa abatshisiweyo ongafunanga kudizwa ngagama uxelele oonondaba ukuba, “Umtshana wam ebengesiso isaphuli mthetho nangona ebesebenzisa iziyobisi.

Okwangoku asikaqiniseki ukuba nguye kuba la maxhoba atshe kakhulu awakwazi kubonakala, sakulinda uhlolo lweDNA ukuze siqiniseke ukuba nguye.”

Uthi bona baxelelwe ngabahlali ukuba ngumtshana wakhe elinye ixhoba. Ukanti usomlomo wamapolisa eNtshona Koloni, uKapteni Fredericks Van Wyk, uthi le ofisi ingangqina ukuba kuvulwe idokethi lokuphanda emva kwesiganeko sokutshiswa kubulawe abafana abathathu abaqikelelwa kubudala obuphakathi kwama-20 nama-30 eminyaka.

Iingxelo esizifumeneyo okwangoku zidiza ukuba abahlali baqale bababethela etyotyombeni elithile aba bafana phambi kokuba babatshise ngamatayala.”