KUBHUBHE abantu abangamakhulu amabini anamashumi amane anesibhozo (248) ngeentsuku ezilishumi elinanye kwimpalalogazi eqhutywa lilizwe lakwaSirayeli kumaPalestina.
Kwaba bantu babhubhileyo, amashumi amathandathu anesithandathu (66) kubo ngabantwana.
IMpuma Koloni ithi ayinakusonga zandla. Ngecawe iANC namahlakani ayo kuquka neendibanisela ezichasene nokucinezelwa kwamaPalestina, ibambe umngcelele ukusuka eSouthernwood ukuya kwiHolo yeSixeko saseMonti.
Ilizwi belilinye: “Phantsi ngelizwe lakwaSirayeli phantsi”.
“Njengabantu baseMpuma Koloni eMzantsi Afrika, siyakukhalimela ukubulawa kwamaPalestina ngabacinezeli belizwe lakwaSirayeli. Njengabantu beli phondo, siyazinikela ngelithi asoze sime esiphakathini sixakwe kukukhetha icala xa oomama nabantwana basePalestina bebulawa futhi begxothwa kumakhaya abazalelwe kuwo.
“Akukho ludushe luphuma nkalwana phaya. Udushe lwenziwa lilizwe lilizwe lakwaSirayeli.
“Njengoko kwakunjalo kwilizwe loMzantsi Afrika ngexesha lengcinezelo, siyabaqonda abantu baseGaza ukuba banelungelo lokuziqokelela, baphikise futhi bakhusele ilizwe labo – nangantoni na,” utshilo uOscar Mabuyane, uSihlalo weANC eMpuma Koloni.
Ilungu lePalamente kwanomzukulwana kaNelson Mandela, uMandla Mandela, uthe: “Silapha ukudlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho zamaPalestina ezibulawelwe izihlobo. Simemelela ekuvalweni ngokupheleleyo komzi wozakuzo waseMzantsi Afrika eTel Aviv (kwaSirayeli).
“Umzi wozakuzo esifuna ukuwubona ngoseRamallah ePalestina kwaye sifuna uMzantsi Afrika uxhase la mzi ngako konke. Sifuna urhulumente wethu usebenzise amandla wawo, awususe umzi wozakuzo wakwaSirayeli kweli lizwe.”
Unozakuzaku welizwe lasePalestina kwilizwe loMzantsi Afrika, uHanan Jarrar, uthi bachulumancile futhi beziva besezimbekweni, “ukusindlekwa lilizwe elihle njengeli loMzantsi Afrika. Enkosi Mzantsi Afrika, enkosi ngento yonke. Yinyaniso, sifuna inkxaso namahlakani”.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo