Batya ukubila kwabo kuBilatye

Ukusuka ngasekunene: Zamayedwa Sogayise, Tsetse Mbizweni (usibonda wakuBilatye),Nico Engelbrecht weDTS, Lindikhaya Tshunungwa kaKopolotyeni, Khawulele Sonamzi (usibonda waseMkhonjane) ngethuba kuphethulwa isoyi kumhlaba oza kutyala ilusini

KwiInzame zokuvuselela iziko lakudala lolimo, abahlali kuBilatye naseMkhonjana eCacadu batyikitye isivumelwano sentsebenziswano nenkampani iDiverse Trading Solution.

Ingxelo ithi inqanaba lokuqala lesi sivumelwano liza kudala amathuba emisebenzi yethutyana kubantu bale ndawo.

Umququzeleli wale mvuselelo uZamayedwa Sogayise ucacisa athi.

“Kweli lokuqala inqanaba siza kuwisa imithi, kuba besele kwakhula imithi apha, le nkampani iza kusincedisa ngento yonke, kuza kubiywa nokubiywa,” kutsho uSogayise.

Bathi bajonge ukuba lo mhlaba uziihektare ezingamakhulu amahlanu uvelise ilusini eza kwenziwa amabhali aya kuthi kamva athengiswe kwihlabathi.

“Zikho iinjongo zokwenza indawo yokukhangela ubunzima bemithwalo, iindlela zokunkcenkceshela zala maxesha, idama lokugcina amanzi ngenjongo zokuba yonke into yenzeke kule ndawo ngaxeshanye,” kutsho uSogayise.

Ngenxa yale ntsebenziswano aba bahlali kulindeleke ukuba benze umgodi wesanti, nanjengoko umlambo iCacadu udidimbela isanti eyaneleyo kule ndawo.

Le ngingqi yakuBilatye naseMkhonjana iyaziwa ngokulima kwangamaxesha orhulumente waseTranskei.

Esi sivumelwano siza kuqhuba isithuba seminyaka engamashumi amabini phakathi kwenkampani iDTS, kunye nabahlali bakuBilatye naseMkhonjana.

Ukopolotyeni wabahlali obizwa ngokuba yiBilatye Mkhonjana Irrigation Secondary Co-operative nguye onobunikazi bomhlaba.

Othethe egameni lenkampani yakwaDTS, uNico Engelbrecht, uthi umhlaba ubaluleke kakhulu kwiimveliso zokutya.

“Umhlaba sisixhobo esiphambili kwiimveliso zokutya, ukusilela ukuhlonipha ukusetyenziswa komhlaba yeyona ngxaki yelizwe loMzantsi Afrika,” kutsho uEngelbrecht.

Ukhangela banzi umbono wokusetyenziswa kwalo mhlaba ngenxa yale ntsebenziswano.

“Ngenxa yelusini le sifuna ukuba liziko elisemgangathweni lokuvelisa ukutya kwemfuyo okusemgangathweni, logama kuxhamla wonke umntu,” kutsho Engelbrecht.

Ilizwe loMzantsi Afrika lijongene nengxaki yokunqongophala kokutya okubangela ukunyuka kwamaxabiso okuthenga.

“Sijonge ukuthumela ilusini eveliswe kula masimi eChina, Japan, Mbindi Mpuma naseQatar,” kucacisa uEngelbrecht.

Imali engeniswe apha iza kwabelwa inkampani yakwaDTS kunye nokopolotyeni wabahlali, ukuze umhlali ngamnye azuze.

UMphathiswa wesebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, ekuqaleni kwalo nyaka ukhuthaze uluntu ukuba lungene kwizivumelwano ezinje neenkampani zabucala.

“Enye yendlela zokukhulisa ulimo nokufuya logama kudalwa amathuba emisebenzi, kufuneka ukuba singene kwizivumelwano neenkampani zabucala ukuze sikhule sonke,” watsho uMeth.