Batyhola ulewu ngokubosulela ngogawulayo

EMINI uthwaliswe uxanduva kumbutho ozinze eRhini onjongo zawo ikukuphuhlisa intlalo yoluntu, kodwa lithi lakutshona ilanga ingqondo yakhe ixinane ngamabhinqa athandana nawo.

Le ndoda ityholwa ngokuthandana nala mabhinqa hayi ngokuba eyivuma ngokukhululekileyo, kodwa ngenxa yokuba ikhokelisa ubunganga bayo kwiMasifunde Education & Development Project Trust eseRhini. Ulukuhla la mabhinqa, ewathembisa ngemisebenzi okanye izikhundla ezithe xhaxhe.

La mabhinqa waseMasifunde, kuquka nalawo abesaya kusebenza kulo mbutho, axelele I’solezwe ngendlela athe alukuhlwa ngayo yile ndoda ifuna ukwabelana nawo ngesondo. Bambi balala nale ndoda logama abanye bengazange bavume.

Ngoku abanye babo batyhola ukuba bafumane intsholongwane kagawulayo emva kokulala nale ndoda.

Inkosikazi yokuqala ixelele I’solezwe ukuba le ndoda yambhalela umyalezo wefowuni onesincwaso.

“Wathi gqolo ukundicenga efuna sithandane. Ngelo xesha ndandisasebenza eMasifunde. Ndaye ndawa, ndabe kanti ndiyamvuma, wandikhuphela kwihotele esePort Alfred apho sabelana ngesondo engakhange ayisebenzise ikhondom,” kutsho le nkosikazi.

“Emva kokuba ndiqaphele ukuba uthandana namanye amabhinqa endiwaziyo, ndabona ukuba mandirhoxe, kwaba kanti kukuphela komsebenzi eMasifunde kungekho sizathu sibambekayo.

“Ndiyile ukuyokutsala igazi, ndafumanisa ukuba ndinentsholongwane kagawulayo. Ndiyokutsala igazi kuba ndibona omnye wabantu ebelala nabo egula,” itshilo le nkosikazi.

Inkosikazi yesibini, eyayikwasebenza eMasifunde, yona ithi yaxelelwa yile ndoda ukuba mayohlukane neqabane layo. “Wathi mandohlukane nomntu endandithandana naye, esithi uzakwenza ngcono kunaye. Ngenye imini wandifowunela, weza apha kule ndawo ndihlala kuyo, wandibizela emotweni yakhe apho wandibamba emathangeni endicofa-cofa. Ndamane ndisisusa isandla sakhe,” itsho le nkosikazi.

Ithi emva kokuba yohlukene neqabane layo, yade yabe kanti iyayivuma le ndebeba.

“Ekugqibeleni ndade ndabe kanti ndiyamvuma, sabelana ngesondo ngeemini ezilandelayo engasebenzisi kwakhondom. Ekuthandaneni kwethu ndafumanisa ukuba ndikhulelwe, ngelishwa ndaphunyelwa sisisu.

“Ndamxelela ukuba ndiphunyelwe sisisu, akazange andihoye kodwa ndandikhulelwe umntwana wakhe. Sohlukana xa ndibona ukuba uthandana nenqwaba yamanye amakhosikazi endiwaziyo. Xa ndiyokuzivavanya, ndafumanisa ukuba ndinentsholongwane kagawulayo,” itshilo le nkosikazi.

Inkosikazi yesithathu ithi yabizwa yile ndoda kwikhitshi laseMasifunde, “Wafuna ukundincamisa, kodwa ndamtyhilizela phaya”.

“Waqhuba endithumelela imiyalezo ngefowuni, esithi ufuna ukundikhupha siyokonwaba kodwa andavuma. Emva koko ndabona kusithiwa isivumelwano sam neMasifunde asizokuhlaziywa, kwathwa mandimke, kusithiwa akukho mali. Emva kokuba ndimkile kwaqashwa abanye abantu,” itshilo le nkosikazi.

Inkosikazi yesine ithi le ndoda ibiyithembisa “ngezulu nomhlaba” isithi ifuna bathandane. “Wayesithi ufuna ukubambelana neqabane lam, esithi uzakundiphatha kakuhle. Zange ndivume,” kutsho le nkosikazi.

Le ndoda iziphendulele ngelithi “ngamampunge” la athethwa ngala makhosikazi. “Abantu bathi bakubona ifuthe lezopolitiko elizweni, benze amagumgedle. Kuliwa amadabi ezopolitiko apha kuba kuthiwa mna ndisebenzisa iMasifunde ngenjongo zokuqhuba iingcamango ze-EFF. Ndithi ndisajonge leyo, kuthiwe ndisebenzisa iMasifunde ukuqhubela phambili neengcamango zeBlack Consciousness Movement. Ngoku ndityholwa ngokuxhaphaza ngezesondo. Aba bantu bandityholayo ngamalungu e-ANC achasene nam,” itsho le ndoda.

Le nyewe yale ndoda ibikwe kwibhodi yaseMasifunde kwaye kuyavakala ukuba ikwabikiwe nakwiKomishini kaMakulingwane ngokweSini (Commission for Gender Equality). IKomishini kulindeleke ukuba yenze isibhengezo ngomhla weshumi kule nyanga.