Batyityimbisela umnwe iinkonzo ezinyhasha amalungelo oluntu

UMBUTHO wabahlali iSANCO uceba ukutyelela iityalike ezinyhasha amalungelo oluntu ngenjongo zokutyityimbisa umnwe kuba “ukruqukile” zisehlo zokuphathwa gadalala kwabantu egameni lenkolo.

“Sithi mayiphele le nto, kungenjalo siza kuthatha amanyathelo,” kulumkisa uSiphiwe Mazosiwe olilungu lesigqeba sikazwelonke kwiSANCO.

“Iyasihlupha le nto kuba yenziwa egameni lenkolo. Thina singabahlali sizixabise kakhulu iinkolo ngokohlukana kwazo. Kodwa kufuneka abahlali bayazi into yokuba akukho ukukhonza okutshiza abantu ngeDoom, akukho ukukhonza okutyisa abantu ingca okanye iimpuku.

“Asinanto siyicaphukelayo ngeenkonzo, kodwa xa kudlwengulwa abantwana bethu ezinkonzweni bedlwengulwa ngabefundisi abathi baza kubanceda, soze sithule sithi cwaka. Into embi ngezi zehlo, kukuba zenziwa kubantu abangathathi-ntweni abafuna ukuphila okanye ukuncedwa ziinkonzo,” utshilo uMazosiwe.

Lo kaMazosiwe uthi bayazixhasa iziphakamiso ezithi makanganikwa bheyile uMprofeti Tim Omotoso obanjwe eBhayi ngezityholo zokudlwengula uthotho lamakhosikazi aselula akhonza kwibandla lakhe iJesus Dominion International.

“Sinethemba lokuba umthetho uzakudlala indima yawo, ngoba la nto yenzeke kwela bandla ingamasikizi. Singabahlali sithi makanganikwa bheyile uOmotoso, makadontse isigwebo esimfaneleyo ejele,” kutsho uMazosiwe.

Kutshanje I’solezwe belipapashe inqaku lentombazana eneminyaka elishumi elinesithathu eyabethwa yabokoboko ebusweni ngamalungu ecawe iLove of God kwilali yaseDaza eTsomo.

Le ntombazana, egama lingu-Unathi Jonas, yabethwa ngoomama ababini besithi bayikhupha idimoni. UJonas kwanyanzeleka ukuba asiwe kwagqirha emva kwesi sehlo.

UMazosiwe uthi izehlo ezifana nezi azamkelekanga.