“Onokontilaka abangawugqibanga umsebenzi obekelwe inyanga nganye abazuyifumana imali yentlawulo. Sifuna ukubona umsebenzi wohlaziyo okumgangatho ophezulu ngaphambi kokubhatala.”
La ngamazwi athethwe ligosa eliphezulu kwi-ofisi kaNongxowa eMpuma Koloni uBulelwa Nqadolo ngethuba ethetha noonondaba ngoLwesithathu wale veki eMthatha.
UNqadolo uqhube utyelelo kumaziko ekuhlaziywa kuwo umbane aquka iziko elingasemva kweMthatha plaza, elikwintshona yoMthatha namanye ngeenjongo zokubona umsebenzi osele wenziwe kwiinzame zokuzinzisa umbane wale ngingqi obusoloko ungucimi cimi kunye nokubona isicwangciso esafakwa eBisho siyahambelana kusini na nomsebenzi.
UNqadolo ukwathe izinto abafuna zenziwe ngumasipala kukuqeshwa komntu omtsha onamava ekuqwalaseleni umsebenzi owenziwayo, kuphindwe kuphuhliswe osomashishini abasahlumayo ukuze bakwazi ukufumana amathuba angcono kwixesha elizayo.
Ucacise ukuba le mali ayizunikwa masipala izolawulwa yi-ofisi kanongxowa ephondweni.
Inkulumbuso yeli phondo uPhumulo Musualle wabhengeza ukuvuselelwa koqoqosho kwindawo ezazifudula zinamandla ekunyuseni uqoqosho.
Iyonke imali ekhutshwe yi-ofisi kanongxowa yi-R160 yezigidi zeerandi kususela kulo nyaka-mali uphelayo.
Iinkampani kulindeleke ziqale ukusebenza kwisithuba esingephi ukusukela ngoku ngokushiyana kwezigaba. UNqadolo ukwathi kuzofakelwa ubuchwetshe bale mihla kula maziko, obuzosebenzisana ne-ofisi yombane eKSD kwaye abantu abazuphinde bafowune bachaze umbane omkileyo uzobonakaliswa bubuchwephetshe obuzofakelwa.
Usodolophu waseKSD uNonkoliso Ngqongwa uthembise ngokuvuselelwa kweendawo ezifana neVulindlela Heights ezifemini nekuyindawo ekwakuveliswa kuyo imisebenzi.
Uthe luzonyuka uqoqosho lommandla waseMthatha emveni kokuhlaziywa, kuzinziswe umbane.
isibhalo@inl.co.za
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo