Bavath’ iqaqa ootitshala

Babhok’ isicuku kwii-ofisi zesebe lezemfundo ootitshala baseBhayi bebanga likaGrade R, bathi abazikushukuma bemke, bazakulalisa khona lide isebe libaphendule kumabango abo ekudala bexoxisana nalo ngawo.

Iinkokeli zaba titshala zithi zibhenele kolu qhankqalazo ngenxa yokudinwa kukudlaliswa undize nezithembiso ezinga- fezekiswayo lisebe lezemfundo.

Bathi ukusukela ngonyaka ka2001 bathenjiswa ngokuba bayakuqeshwa ngokupheleleyo bexhamla namalungelo ase- burhulumenteni.

Enye yeekokeli zabo uNtombexhanti Bam nongutitshalakazi kwisikolo IWB Tshume uthe balotywa ukuba bazokusebenzela ezikolweni ukusukela ngonyaka ka 2001 besuka khritshi nezikolo zabucala ezifundisa abantwana bethenjiswa ngobomi obungcono esebeni.

“Sathenjiswa ngokubekelwa unyaka ka2010, wafika wagqitha, yangu2014 wagqitha, ngoku sithenjiswa ngo2017 sisabambe eso sisila sehobe. Isebe liyasikhanyela lithi singabaqeshwa beekomiti zeSGB.

Lo kaBam uthi abanye babo balotywa apho babesebenza khona bengenaziqinisekiso zemfundo kodwa emva kokuleqwa ngasemva lisebe baya bebaleka ezikolweni bephucula imfundo.

“Sifundile ngoku sineziqinisekiso noleveli 6 oyidiploma . Inkal’ixingephi, ixingiswa yintoni,” uthethe watsho okaBam.

Ootitshala bakwabanga ukunyuselwa imali besithi amawaka amahlanu ngenyanga awanelanga ukufezekisa iimfuno zabo, kwaye abaxhamli kwizibonelelo ezifana nezindlu.

“Asivumelekanga ukuba senze izicelo zezindlu zeRDP, asivumelekanga ukuba samkele isibonelelo sikarhulumente senkamnkam yabantwana, siyaxhatshazwa, asizikuvota kolu nyulo luzayo,” batshilo.

Ongusomlomo kwisebe lezemfundo ephondweni uMalibongwe Mtima uthe, kudala bebonisana naba titshala ngemfundo yabo.

Badinga uqeqesho oluthe xhaxhe olulungele lo msebenzi.

isibhalo@inl.co.za