Bavela enkundleni abatshise iqela labantu eCacadu!

 

Babuyela namhlanje (ngoLwesihlanu) enkundleni yamatyala eCacadu, abatyholwa abasixhenxe nekuquka kubo uceba wendawo nabajongene netyala lokutshisa babulale abafana abahlanu, ababatyhola ngokuba ngabo abamoshayo kwindawo yabo eZingqolweni kummandla waseCacadu.

Aba barhanelwa bavelile ngoMvulo ze abanikwa bheyile yinkundla babuyela ngaphakathi eziseleni. Baza kubuyela kwakhona enkundleni kusasa nalapho baza kube befaka isicelo sebheyile.

Kubo kukho noceba wabo woMasipala waseMalahleni uHluphekile Babotyane (62). Abanye abatyholwa abajongene netyala eli nguMalibongwe Kiki (42), Phindile Mbandeni (47), Lindela Majo (56), Bangindawo Nyameni (51), Sabelo Khala (46), Ndumiso Bukwana (36) kwakunye noMalibongwe Mgqeba (49) .

Aba barhanelwa babanjwe kwiveki ephelileyo ngoLwesithathu emva kokuba kuthe kwabulawa abafana abaphakathi kwamashumi amabini ananye ukuya kumashumi amabini anesixhenxe ubudala. Abane amaxhoba abhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo eZingqolweni ngokutshiswa ngabahlali. Elesihlanu ixhoba lona labhubhela esibhedlele ngosuku olulandelayo.

Isithethi seNPA kwingingqi yaseMthatha uLuxolo Tyali, uthi amapolisa asaphanda ngelinye ityala lokubulawa kwamadoda amabini afunyenwe exhonywe emithini kude kufuphi nala maxhoba mahlanu atshisiweyo. UTyali uthi aba kuvakala ukuba ngabanye bamaxhoba aphoncuka abaleka kula mahlanu. Uthi inkundla ibalele ibheyile.