Bavele enkundleni abaqweqwedise indoda

Bekulindeleke ukuba bavele enkundleni izolo abarhanelwa abane eMonti bejongene netyala lokuphanga kwanelokubulala indoda enamashumi amabini anesixhenxe ubudala.

Aba barhanelwa ngokweminyaka yabo baphakathi kwamashumi amabini ananye ukuya kumashumi amabini anesihlanu.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseCambrigde eMonti uKapteni Mluleki Mbi zithi, aba barhanelwa baphange le moto ikhwele lo mfana kwaNU9 kwilokishi yaseMdantsane nabamdubule bakugqiba bayokutyala umzimba wakhe eHighgate ngaseCambridge.

UMbi uthi amapolisa aye alandelela umkhondo wabarhanelwa emva kokuba kuye kwayokubika owayetyhini kwisikhululo samapolisa saseCambrgde emva kokuba eye waphangwa naye kwathathwa ibhegi yakhe.

Emva komkhondo wamapolisa abarhanelwa baye babanjwa, nalapho kuye kwafunyanwa ibhegi yale ntombi kwakunye nompu.

Amapolisa ayaphanda, kwaye avule ityala lokubulala kwanelokuphanga.