Bavingce indlela abafundi abalahlwe kwesinomhlwa liSebe

Abafundi baseSmiling Valley bavuke bavingca indlela uN6 kuba bekhalela ukungathuthwa kwabo

BASHIYEKE bengenanto yokubathutha abafundi besikolo samabanga aphantsi iSmilling Valley emva kokuba iSebe libaxelele ukuba alizokuphinda libathuthe koko mabatshintshe izikolo. 


Esi sikolo siphantsi kwaseMacleantown.


Abafundi baye badikwa yeyokosa bavingca indlela uN6 beqhankqalaza, nalapho bebencediswa ngabazali babo ngale ntseni.


Umzali oncokole nephephandaba udiza ukuba baxelelwe kwiveki ephelileyo ngoku ngethuba kuvulwa izikolo ukuba ibhasi ethutha abantwana ayizokuphinda ibathuthe kulo unyaka.

“Siqutyulwe kuba sixelelwe ukuvulwa kwezikolo liSebe, sele singenokukwazi nokufuna izikolo ezitsha. 

“Ukuba besixelelwe kwangethuba kunyaka ophelileyo ngesikwazile ukufunela abantwana bethu izikolo.”

Umzali uthi iSebe lithi abafundi kufanele bafunde kwezi ndawo bahlala kuzo bangazukukhwela.

Abazali bathi ingxaki kukuba ezi Grade bazifundayo abantwana babo azikho eSmilling Valley kwaye azikho naseMpongo. 

Bathi oku kuthetha ukuba mabayobabhodisa kwizikolo eziseMonti okanye eQonce abantwana.

Aba bafundi baqhankqalaza namhlanje nguGrade8 kwakunye no9. 

Abazali kunyanzeleke ukuba baqashe iimoto abaza kuzibhatala ukuzisa abantwana babo esikolweni kule veki.

 “Asithathi ntweni singabazali, kukho nabantwana abahlala ezifama abangenanto, alikhange lisicingele iSebe,” utshilo omnye wabazali okwiqela elivingce indlela elilwela iintsana zabo.

  • Abazali bakwadize ukuba ibhodi ejongenge nesikolo (SGB) ibiyile eBisho kwiSebe uyokukhala kodwa iSGB ibuye nembande yesikhova.