Bavinjwe ithuba lemibuzo kwimbizo yamapolisa

KUMAKHULU ngamakhulu abantu baseBhofolo neziphaluka abathe bazimasa imbizo ebikhwetywe yinkonzo yesipolisa kule dolophu izolo, bathandathu kuphela abantu abathe banikwa ithuba lokubuza imibuzo.

Le mbizo, ebibanjelwe kwibala lezemidlalo laseCape College, ibizinyaswe nguSekela Mphathiswa wamapolisa uBongani Mkongi ekunye nobambele njengoMkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uNjengele Zamuthango Mki.

Le mbizo iqale emva kwentsimbi yokuqala emini, isithuba seeyure ezimbini kwixesha ebihlelelwe lona.

Abanye abantu abebe yinxalenye nale mbizo babonakalise ukungoneliseki ngumyalelo wokuba “zizakube zintandathu kuphela” izandla ezivumeleke ukuba zibuze imibuzo. “Besibizelwa ntoni xa kanti kufunwa imibuzo emithandathu kuphela,” kubuza uMthuthuzeli Siphunzi welokishi iTakalani eBhofolo.

Kwababuze imibuzo kuquka uFezeka Sijadu waseMdeni eDikeni othi ayaphela amaxhegwazana kwilali yakhe, bebulawa lulutsha.

UNokwanda Ndini waseSheshegu eDikeni uthi bafuna isikhululo samapolisa esikufuphi nabo kuba iyaphela imfuyo yabo.

UMkongi uthi kukho imfuno emandla ukuba amapolisa awusiphule neengcambu umba wokubiwa kwemfuyo.

“Into endiyikhuthazayo kukuba abantu mabangoyiki ukubika ulwaphulo-mthetho emapoliseni. Ndiza kuphinda ndize eBhofolo ngenyanga yeKhala ndizokujonga ukuba zisatyelwe na izikhalazo zenu,” utshilo UMkongi.