Bavulelwe ityala abahlali emva kokubulala isidlwengu!

Yinkosikazi enamashumi asixhenxe ubudala yelali yaseBukwini eNgqeleni ezibone sele inamandla engawaziyo ukuba avelephi ngethuba izilwela kumfana onamashumi amathathu anesihlanu obemdlwengula.

Ingxelo ephuma kumapolisa ala mmandla ithi le ndoda ibulewe ngabahlali baseBukwini emva kokusabela kwisikhalo esivakale kwihlathi elikufutshane kanti kungethuba idlwengulwa le nkosikazi.

Abahlali bafike le ndoda ingaphezulu izenzela yabe ivule imela igrogrisa ixhoba. UKapteni Dineo Koena uthi ixhoba lizamile ukuzilwela laxutha imela lahlaba le ndoda kumzimba ongentla.

Abahlali bangenelele nabo babetha esi sidlwengu sabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo.

Inkosikazi yona ithathwe yasiwa esibhedlele iyokuhlolwa umonzakalo.

UKoena uthi emva koko amapolisa avule ityala lokudlwengula, evulela le ndoda ibhubhileyo kwaze kwavulwa elesibini elokubulala livulelwa abahlali baseBukwini.

Akukho mntu sele ebanjiwe, amapolisa asaqhubekeka nokuphanda ngetyala lokubulala.

UMkomishinala wengingqi uNjengele David Kanuka udlulise isilumkiso esingqongqo kubahlali ngesi senzo.

“Umthetho uza kudlala indima yawo kwaye uza kuthatha amanyathelo kuba ngekhe uyinyamezele into yokujongelwa phantsi ngabahlali ngokuthi bathathele umthetho ezandleni kubo. Asizukuphumla de babanjwe abafumaneka benetyala. Wonke ubani unelungelo lokuphila,” utshilo uKanuka.