Bavumelana ngazwi linye ngenxa kaMakwetu

Zithethe ngazwi nye zingqinelana iinkokeli zePAC nePAM zisithi makumanyanwe phantsi kombutho wePAC ngethuba kungcwatywa uClarence Makwetu eGwatyu eCofimvaba ngoMgqibelo.

UMakwetu ungcwatywe kumangcwaba oyisemkhulu eHoyita apho kulele khona amathambo kayise uGqongo nonina uMayina Makwetu. Lo mngcwabo ubukhokelwa ngurhulumente wephondo nanjengoko ebeyalele uMongameli Jacob Zuma.

Iinkokheli namagqala ombutho wePAC nePAM athethe ngazwinye esithi eyona nto inokuthandwa nguMakwetu ingakukubona umbutho we PAC udityaniswa.

Izangxa eziquka uStanley Mokgoba, Motsoko Pheko, Johnson Mlambo, Dagama Mngqibisa, Nontente Kamteni, Letlapa Mphahlele, Dikgang Moseneke, Waters Toboti bezikho ukungqina ngobomi bale ngwevu. Ukanti usomashishini uWiseman Nkuhlu ebekho kulo mngcwabo.

Urhulumente ebemelwe ngusekela mphathiswa wezemali uMcebisi Jonas, umphathiswa wezemfundo uMandla Makupula kwakunye nomphathiswa wezobugcisa nenkcubeko uPemmy Majodina.

Phakathi kweenkokeli ezithethe kulo mngcwabo singabalula uNkosi Ngangomhlaba Matanzima.

Ethetha kulo mngcwabo uMatanzima uthe: “Dibanisani iPAC nahlukane nokuthanda iziquze zenu kunalo mbutho wakudala. Inkokheli yenene iyazincama yona nemvakalelo zayo iginye ilitye icingele isininzi sabantu ebakhokeleyo, alikho nelinye ilungu lePAC elinokuchasa ukumanyaniswa kwalo mbutho.”

“Niyalibona ilizwe ukuba liyakekela, ngoko abantu bafuna into abanokuthembela kuyo lo nto inye ngumbutho wePAC omanyeneyo ukusa abantu phambili.Kungonakala ntoni xa ninokubuyelana nonke kungabikho ozenza ngcono kunomnye apha kuni, kudityaniswe lo mbutho kukhuselwe le nkululeko yalwelwa ngegazi labantwana baseAfrika,” utshilo uMatanzima.

Ukanti owayesakuba ngumongameli wePAC uMotsoko Pheko uthe: “Mna noMakwetu, noJohnson Mlambo noStanley Mokgoba samisela ikomti yamadoda amane ngenjongo zokuba kudityaniswe PAC. Savumelana ukuba makesincede aba bafana bayeke ukuxhwithana kodwa wonke umntu asebenzele ukuvuselela umbutho kukhululwe abantu baseAzania.”

Igqala lePAC uJohnson Mlambo yena uthe: “Kuphela kwenkokheli le kumzabalazo wethu uwonke ibihlala imemelela ukuba kudityaniswe yonke imibutho yabantu abamnyama kuliwe notshaba.Ufikele kum eRobben Island ebesoloko ebuza iindlela zokumanyaniswa kwemibutho yomzabalazo yabantu abamnyama baseAfrika, kuba esithi lunye utshaba lethu.”

ULetlapa Mphahlele, ongumongameli welinye iqela lePAC uthe: “Mna nokuba kungathiwa ndililungu nje embuthweni ukusukela namhlanje kuze emva koko kuqaliswe neenzame zokumanya iPAC. Asifumani nanto kwezi zikhundla zokufuna ukukhokhela ube umbutho uchithakele. Xa bendithetha noZikhali ngoDisemba akazange andifihlele iimpazamo zam wandixelela ukuba into enokumonwabisa nokuba angafa kukumanyaniswa kwePAC.”