Abahlali baseMbhashe bathi bazakuqhubeka noqhankqalazo lwabo lokufuna iinkonzo ezingcono phantsi komasipala wabo ukuba usodolophu, uNonceba Mfecane akahlangabezani nezikhalazo zabo.
Oku kuthethwe ngabahlali ebebevele phambi kwenkundla kamantyi eDutywa izolo, emva kokuba bebanjwe ngoMvulo xeshikweni bebambe umngcelele ubusingise kuMasipala waseMbhashe ngeliyokhalazela ukunqongophala kweenkonzo kwiindawo zabo.
Inkundla kamantyi eDutywa, ilimisele umhla weshumi elinanye kule nyanga ityala lababahlali abalishumi elinanye, ababekwe ityala lokonakalisa ngenxa yokuba isithi ifuna ukwenza uphando oluphangaleleyo.
Omnye wabahlali ebebanjiwe, uMntuwekhaya Gcanga uthi umgcelele wabo ngoMvulo ubungenabo ubundlobongela, kodwa bothuswe kufika kwamapolisa aseKomani sele edubula ngeembumbulu zeramba nto leyo edale ubutyobo edolophini eDutywa.
“Iinjongo zethu zomgcelele kukufuna impendulo kusodolophu waseMbhashe, kuba sasimnikile izikhalazo zethu kwathiwa masilinde intsuku ezingamashumi amabini ananye zizakuphendulwa, kodwa sothuswe kudutyulwa kwethu singamoshanga xa sizokufuna zona,” utshilo uGcanga.
Uqhube wathi ngaphambi kokuba babambe imatshi yabo kwinyanga ephelileyo baqala bambizela kwindibano usodolophu uMfecane bamxelela ngezikhalazo zabo eziquka ukungabikho kwamanzi, iindlela ezikwimeko emaxongo, ukuqeshwa kwabantu abaphuma kwezinye iindawo kushiywa abaseMbhashe, kodwa wayinyevulela lo ndibano wayishiya phakathi.
Enye yeenkokheli kulo mgcelele, uNodumo Tiyo uthi njengokuba bekhutshiwe abahlali ebebevalelwe, bazakuhlala phantsi badibane bajonge indlela yokuqhubekeka noqhankqalazo labo, kwaye uthi basamfuna usodolophu ukuba azokuthetha nabo malangu negezikhalazo zabo.
Emva kwetyala abahlali baseMbhashe ebebegcwele ngumsindo izolo emva kokuba bedutyulwe ngamapolisa phambi kweenkundla zamatyala eDutywa ngeenzame zokuba chitha-chitha , batshise ivenkile yakwa Zebros ekule dolophu, kodwa yakhawuleza yacinywa zizicima mlilo, emveni koko baqhubekeke nokubetha kwabo iimoto ezindlulayo kule dolophu yaseDutywa.
Inkumanda yamapolisa aseGcuwa uBrigadiya uStanley Sibidla uthi, batyale amapolisa aseKomani besongeza kwawaseMbhashe ngeenjongo zokubamba ucwagco.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!