Bavuyela ikliniki entsha eLusikisiki!

Isakhiwo sekliniki entsha eLusikisiki Umfanekiso: Buziwe Nocuze

Emva kweminyaka befuna ikliniki entsha abahlali baseLusikisiki bade bayifumana, kwaye bafumene ikliniki ekumgangatho ophezulu.

UNyamazane Gotsheni noneminyaka engamashumi amane anesibhozo ubudala, uxelele I’solezwe ukuba ikliniki entsha iza kunceda kakhulu kuba kuleya indala bebelinda phandle logama belinde ukuba kuvulwe ikliniki.

“Kula kliniki indala bekunyanzeleka ukuba silinde phandle logama ikliniki ingekavulwa, kwaye besishiya amakhaya ethu ngobumnyama kuba sileqa ukuzokubamba ilayini phandle,” utshilo uGotsheni.

Omnye wabahlali balapha uthe bebefika nezigulo zabo baphume nezinye kuba bebengenwa yingqele logama belayine phandle.

“Ibibuhlungu kakhulu into yala kliniki kuba besisifa yingqele nanjengoko la ndawo ibikuyo iphantsi kwemithi nebisenza kubande nangakumbi,” utshilo umhlali.

Aba bahlali kufanele bachulumance kuba iinkonzo ebebezifumana kwikliniki endala azilingani nezo baza kuzifumana kule intsha.

“Ininzi into esiza kuyifumana apha ebesingayifumani kula kliniki, kwaye siyabulela kakhulu kuba besiyidinga ikliniki,” utshilo.

Isithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha, uthe ikliniki entsha iza kuzisa utshintsho olukhulu kakhulu kuba zininzi izinto abantu abaza kuzifumana kule kliniki intsha.

“Kwizinto eziza kube zifumaneka singabalula icala labakhulelweyo, elamazinyo, elentuthuzelo (occupational theraphy) nezinye,” utshilo uSicwetsha.

Uqhube wathi abantu baza kuzonwabela iindaba zokuba icandelo labakhulelweyo (maternity unit) liza kusebenza iiyure eziyi24.

Omnye wabahlali abasebenzisa le kliniki uthe xa bakhelwe ikliniki ekumgangatho ophezulu olu hlobo asikho isizathu esibangela oonesi ukuba bangawenzi kakuhle umsebenzi wabo.

“Kula kliniki indala mhlawumbi besingabaxolela kuba ke besibona ukuba incinane, kodwa le akukho sizathu esiza kubangela ukuba bangasebenzi,” utshilo umhlali.

Uqhube wathi indlela eyakhiwe ngayo ikliniki yabo ayifuni mavila.

“Uyazibonela nje nawe ukuba ifana nezo ezakhiwa ezidolophini kwaye sisothukile ukuba nathi sakhelwe ikliniki entle kangaka apha,” utshilo umhlali.