Bawelwe ngumqa esandleni ngenxa yeKaizer Chiefs

Isikolo sentsatshana ngethuba befumana isipho seBhasi kumlandeli webholaimifanekiso: Michael Pinyana

AMAXESHA amaninzi ukuba ngumlandeli webhola ekhatywayo okanye umxhasi weqela elithile kuphelela nje enkuncithaneni kuTwitter nakuFacebook, ekunxibeni isikipha seqela elo nasekubukeleni lo mdlalo kumabonakude.

Kodwa akunjalo kumxhasi weKaizer Chiefs uNdzondelelo Dion Mene. Ukuzinikezela kukaMene kwiinkqubo zeKaizer Chiefs kumenze waphumelela isigidi serandi kukhuphiswano leCarling Black Label lonyaka ophelileyo.

Isiqingatha sale mali, nanjengoko isitsho imiyalelo yolu khuphiswano, sithe sawela kwisikolo iDibashe Edu-Care yakwa-N.U. 10 eMdantsane.

UMene uthi wayengenele ukhuphiswano lokuba ngumqeqeshi weKaizer Chiefs kunyaka ophelileyo, nanjengoko kukho inyoba enjalo kwiCarling Black Label Cup.

“Ndangenela olukhuphiswano ndifuna ukuba ngumqeqeshi, ngelishwa andizange ndilenze ixesha kwanyanzeleka ukuba ndifakwe kweli cala lokhuphiswano lemali yesigidi serandi. Kolu khuphiswano iR500 000 yeyalomntu ungeneleyo, ze enye iR500 000 iye kwindawo yesisa ethandwe ngulowo uphumeleleyo.

“Mna ndiye ndakhetha iDibashe, kuba ndiyazi ukuba izitsalela nzima,” utshilo uMene.

IDibashe iye yathenga isithuthi sohlobo leMini-Bus ngale mali.

Lo kaMene uthi imchulumancise kakhulu into yokubona ukuba ukuthanda kwakhe Amakhosi kuxhamlise uluntu lendawo yakhe.

Unxulumanisi weeprojekthi eDibashe uPhumla Goje akawuvali umlomo yile nyhweba. “Izakusinceda kakhulu le moto, ukuthutha abantwana. Ngubani ongaze akuphe imoto entsha kraca. Ndiyinqwenela okuhle kodwa iKaizer Chiefs,” utshilo uGoje.

Izakuqhuba njani ke iKaizer Chiefs kwisizini ka-2016 -17? “Sifuna indebe yeAbsa Premiership kuphela, asizijonganga ezinye iindebe,” utsho uMene, othi umthembe kakhulu uSteve Komphela ongumqeqeshi weChiefs.