Bangaphaya kweshumi ookopolotyeni baseCala abawelwe ngumqa esandleni kummandla waseCala neKhowa nalapho bafumana uqeqesho lwasimahla kwikholeji yabucala iLetsatsi Private College.
Olu qeqesho noluqulathe ubhaliso lwasimahla loo- kopolotyeni phantsi kwesebe lorhwebo noshishino luhlohla ezoshishino, indlela yokwenza imali kunye nezentengiso ukubala nje izifundo ezimbalwa.
Ookopolotyeni abathathe inxaxheba kolu qeqesho, yiCala Foresters abajongene namahlathi, iCala Veterans, amagqala omkhosi kweli, Iindaba Zethu Media Co-op nesungulwe ngabo babesaya kubazintatheli uyokutsho kwiNkcalukweni Farming, abajongene nezolimo.
Olu qeqesho nolubanjelwe kwindawo yakwanokutsho eSinako Guest Luxury Conference Centre kulindeleke luqhube de kubeyinyanga kaNovemba kulo nyaka, kwaye bonke ookopolotyeni bazakushiywa besebenza kwanezixhobo phambi kokuba kuqukunjelwe uqeqesho.
Ethetha nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa olilungu le-Iindaba Zethu Media Co-op uNamhla Silandela noneminyaka engamashumi amathathu uthe: “Sifunda lukhulu apha ngezoshishino, indlela yokwenza imali, indlela yokuphatha abathengi, indlela yokupapasha iphepha ndaba kwanokufumana abo bafuna ukuthengisa kwiphepha lethu.”
“Mna andiphangeli kodwa susela oko ndiyinxalenye yolu qeqesho ndinento yokwenza umhla nezolo kuba siyaxhotyiswa apha hayi kancinci, ndinethemba sakuqala ukushicilela iphepha ndaba lethu ungaphelanga lo nyaka kuba sisalinde nezixhobo zokusebenza kuquka izatifikethi zoshishino ngokusemthethweni,” utshilo uSilandela.
Oku yenye yeendlela zokulwa nentswela-ngqesho nalapho uluntu lufundiswa ukuba ludale amathuba omsebenzi endaweni yokujonga ukuqeshwa kuphela kwaye eli phulo liqhuba kwiphondo lonke leMpuma Koloni koomasipala abancinci nabathwaxwa yintswela ngqesho, itshilo ingqonyela yeLetsatsi Private College kwaneLetsatsi Solutions ezinze eSandton eRhawutini uDavid Seabi.
isibhalo@inl.co.za
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro