Bawongiwe abaxelenga kwezempilo

Bawongiwe abasebenzi abagqwesileyo kumsebenzi wabo kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha nakwicandelo lempilo kwiYunivesithi iWalter Sisulu kwiziko elizinze eNelson Mandela Drive.

Lo msitho ububanjwe ngokubambeneyo kwesi sibhedlele, kwaye kuxhamle amacandelo ohlukeneyo ngeenjongo zokubakhuthaza.

Abasebenzi besibhedlele abaxhamleyo bangamashumi amabini anesine(24) ukanti abeziko iWSU bangaphezu kweshumi elinesihlanu bequka oogirha. Ngaphambi kokuqala kweli theko kubalekwe imidyarho (fun run) kunye neFun walk ukukhuthaza ukuzilolonga.

Ingqonyela kwisibhedlele iNelson Mandela Academic uNomalanga Makwedini uthi, bakwiphulo lokuphucula esi sibhedlele sibekumgangatho ophezulu.

“Sinezithuba ezikhoyo kulawulo, sifuna abantu abanegazi eliqhumayo ukuze basebenze ngokuzimisela kunyuke umgangatho. Sibone kufanelekile ukuba sibawonge abo bagqwesileyo ukubonisa ukubaluleka komsebenzi omhle abawenzayo ukunceda abantu basemaphandleni. Ukuncoma umntu yinkuthazo enkulu emsebenzini” Kutsho Makwedini.

Nalo iziko lemfundo iWalter Sisulu liqhwabele izandla intsebenziswano yala maziko mabini.

Ugqirha Wezile Chitha okhokhela icandelo lezempilo kuleYunivesithi uthi, oku yindlela yokubhiyozela usuku lwabasebenzi nendlela ende esele ihanjiwe.

Ugqirha Chitha uthe” La maziko mabini kulapho kudibana khona intsebenziswano kaMadiba noWalter Sisulu. Esi sibhedlele sesona sivelisa abantu abajike basebenze kule ngingqi ukuphucula iimpilo zabantu basemaphandleni, kungeso sizathu kwinyanga ephelileyo besinentetho yobume ebambeneyo kwesi sibhedlele”

Ochongwe njengomongikazi ogqwesileyo nosebenza kwicandelo labantwana uNompakamo Mdakane uthi, akazange acinge ukuba angaphumelela emagqabini afumane eli wonga libaluleke kangaka.

Uthi ukuzinikezela, umsebenzi omhle ngoonozala abamenze waphumelela. Ukhuthaze namanye abasebenzi ukuba basebenze ngendlela eyiyo bangadinwa.

Kusenjalo uZimasa Ndikinda ofumene iwonga kwicandelo lezonxibelelano uthe “Ukufumana iwonga ziindaba ezimnandi nenkuthazo kumsebenzi wakhe, uthembise nangokukhuthaza abanye abantu.