Bawongwa njani ootitshala?

Kule veki sifumene isimemo sokuba sizimase amawonga ootitshala baseMpuma Koloni. Ngunyaka wamashumi amabini kubanjwa la mawonga kwaye sakhe saya kuwo ngo2017.

Ngoko ke safumanisa ukuba baninzi ootitshala abasebenza nzima kweli phondo. Bambi basebenza phantsi kweemeko ezingathethekiyo, ezimbi mpela.

Kwakukho nootitshala abasuka kwizikolo zasezilalini esathi sancokola nabo, sibabuza ukuba kunjani ukusebenza emaphandleni. Badwelisa uthotho lweengxaki ezifana nobunzima bokufumana iindawo zokuhlala ezilalini, iindlela ezimbi eziya esikolweni, abantwana abafika bediniwe kukuhamba imigama emide, abantwana abasuka kumakhaya angathathi ntweni nabalambileyo, njalo njalo.

Kwiincoko zethu kwakuvakala ukuba aba titshala babe ngazimiselanga ukuhlala ixesha elide kwezi zikolo zisezilalini. Kwaye ngokubona kwethu uninzi lwabo bafundisa ezilalini yayingabantu abatsha.

Ootitshala abadala bona baye babe kwiilokishi, ezidolophini okanye babe ziinqununu zezo zikolo zisezilalini. Ootitshala esingazange sibabone kula mawonga ngoko ngabo basuka kwizikolo ezineengxaki zeziyobisi.

Kwakweli phepha lethu sikhe sabhala ngootitshalakazi baseNgqushwa abaleqwa ngamabhozo ngabafundi. Kukho ootitshala kwiilali abanyamezelana nokuthukwa kwanokubethwa ngabafundi.

Abo ootitshala siqinisekile ukuba asizokubabona kula mawonga ootitshala. Sizibuze ke ukuba xa kuwongwa ootitshala ingaba na kujongwa iziphumo zabafundi zodwa okanye kukwajongwa neemeko abasebenza phantsi kwazo?

Zininzi iingxaki ezijamelene nootitshala kwaye kufuneka zinikwe ingqwalasela zizonke. Kusekho ootitshala abasokolayo, asikwazi ukubhiyozela abathile.

Ewe, iMpuma Koloni liphondo elikhulu kakhulu kwaye lineelali ezininzi, lo nto iye ithethe ukuba kufuneka kwakhiwe izikolo ezininzi. Asiqondi ukuba abo bakhetha ootitshala abaya kuthi bawongwe bayafikelela kuzo zonke ezi zikolo.

Ukuze ezinye izikolo zaziwe kufuneka zidume ngento embi okanye zigqame kakhulu ngeziphumo ezintle apho zikhoyo.

Lilonke ke ngoku, aba titshala bawongwayo, bafunyanwa njani? Bakhethwa ngubani?